Akango makhulu nje kwaphela: ‘uUncle’ uhamba phambili kwibhola ekhatywayo

Ngu Nkhensani Mthombeni

Iqela lakhe khange lifikelele kumdlalo wamagqibela kankqoyi kukhuphiswano lwehlabathi kwibhola ekhatywayo yeenkondekazi, iGrannies International Football Tournament (GIFT), kodwa oyena mdlali ubengundaba mlonyeni nguPinky “Uncle” Mhlongo. 

UMakhulu uPinky oneminyaka engamashumi amathandathu ananye, osuka kwindawo yakwaC Section KwaZulu-Natal ushiye bengayivali imilomo ababukeli ngesakhono sakhe sokudlala ibhola.  

Isiteketiso sakhe sika Uncle, usiphiwe ngabalandeli bakhe ebebesithi udlala ibhola njengendoda. Kuyo yonke imidlalo iqela lakhe iKwaZulu-Natal Gogos, eliyidlalileyo ebeqaqamba ngaphezu kwabo bonke ngesakhono sakhe sokudlala kunye nesantya anaso.  

Iqela lakhe lidlale kwitumente iGift ethathe iintsuku ezine kwibala lemidlalo iNkowangowa Stadium ngaphandle kwaseTzaneen. Kolukhuphiswano bekudlala amanina aneminyaka engamashumi amahlanu nangaphezulu asuka kumazwe ohlukeneyo.  

Samsung Galaxy 14G

Khange kuthathe xesha lide ukuba uUne Gogo athi ndii kumakhasi ezonxibelelwano, ingakumbi kushicilelo lwemiboniso yekhasi lika-TikTok olushicilelwe ngethuba kuqhuba olukhuphiswano.  

Abantu bebekhwankqisekile yindlela abaleka ngayo kwibala lemidlalo kwaye baqalise bacela ukuthatha iifoto naye. Ngethuba kudla olukhuphiswano ubone umnatha amatyeli amahlanu efaka amanqaku. 

Uxelele iqonga leendaba ukuba waqala ukudlala ibhola ekhatywayo eneminyaka emithandathu, namakhwenkwe beyidlala endleleni. 

Xa eneminyaka elishumi elinesithathu wadlalela iqela iDurban City Ladies Team, apho yayinguye kuphela intombazana yebala lomgquba.  

Ukusukela ngoko wadlalela amaqela ohlukeneyo aquka iFast Eagles FC, iKwamashu Sisters FC kunye ne-Amazulu Ladies Team.  

UMakhulu uPinky unaso nesatifikiti sokuba ngunompempe kwaye ngamanye amaxesha udlalisa imidlalo.  

Uziqeqesha kabini ngosuku, ngoMvulo ukuya ngolwesihlanu. Uthi oku ukubone kummelwane wakhe owayesakuba mgumdlali weBafana Bafana uSiyabonga Nomvethe.  

“Iphupha lam kukuba ndidlale kumazwe aphesheya kwelwandle,” utshilo.  

Umfanekiso ongasentla:Umakhulu uPinky “Uncle” Mhlongo 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Nkhensani Mthombeni.