
Ukufumana iimpepha mvume zokuqhuba ayingomsebenzi ulula kangako, kwaye owasetyhini waseSouth Korea oku kumtyabule imali efikelele kumawaka amngamakhulu amabini anamashumi amahlanu eeRandi (R250,000)
Le ayiyomali yentshontsho okanye yokuthenga isiselo njengoko kusithiwo kweloMzantsi Afrika – yimali ayikhuphileyo ukuchophela uvavanyo lwakhe lokuqhuba amatyeli ayi960.
Ibeluhambo olude kakhulu kuCha Sa-Soon olwaqala ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka2005 ngethuba lowasetyhini ezama okukqala ukufumana impephambvume zokuqhuba okokuqala.
Ngeloxeha wayezimisele kanobom. Wazama engade aphumelele – zonke intsuku, iintsuku ezintlanu evekini iminyaka emithathu ilandelelana kuba efuna ukuphumelela uvavanyo olubhalwayo.
Oku kuthetha ukuba wazama anatyeli angamakhuku asixhenxe namashumi asibhozo!
Emva koku, waqalisa wenza ngolunye uhlobo, wabhala oluvavanyo kabini ngeveki. Emva kokuba ede waluphumelela wadlulela kwisigaba esilandelayo sokuba anze uvavanyo lokuqhuba isithuthi.
lenkonde ineminyaka engamshumi amathandathu anethiba, kuyacaca ukuba isebenza ngcono ngokwenza, kuba wathatha amatyeli alishumi kuohela ukuba aohumelele, itsho ingxelo yeqonga lendaba iThe Mirror.
UCha Sa-Soon zange avume ukunikezelakuba ubezidinga iimpepha mvume zokuqhuba esenzela ishishini lakhe lokuthengisa imifuno.
Umntu omfundise ukuqhuba kwisikolo iJeonbuk Driving School uthe uzve ekhululekile ngethuba efumana impepha mvume zake ekugqibeleni uCha Sa-Soon.
“Besimonwabele kakhulu! Sonke siphume sililizela samonga, samnika iintyantyambo,” utshilo.
“Kuvakale ngathi kukhona umthwalo omkhulu ohlileyo emagxeni ethu. Besingenaso isibindi sokumxelela ukuba makayincame kuba ubesoloko esiza.”
Ityeli lamakhulu aluthoba anamashumi amathandathu lisebenzile kuba uCha uphele esiba ngusaziwayo eSouth Korea, apho akhokhele intengiso yakwa Hyundai wanikwa imoto entsha kraca.
Uhambo lwakhe luthe ndiikumakhasi ezonxibelelwano kwiveli ephelileyo nangona oku kwenzeka kwiminyaka elishumi elinesihlanu eyadlulayo. Kungcono kwenzeke kade kunokuba kungenzeki kwaphela, njengoko uCha ubenokutsho.
Iqulunqwe ngu Dylan Bettencourt
Umfanekiso ongasentla: Ngu Cha Sa kunye nesithuthi sakhe asiohiweyo.
Imvelaphi yomfanekiso: Reddit