
Ngu Buziwe Nocuze
Lujike lwayincindi yekhala utyelelo luka Thimna obeye kulala kwikhaya labahlobo bakhe.
Kunye nabahlobo bakhe ababini, lentwazana ineminyaka elishumi elinesithathu yaseKhayelitsha eKapa, yangxalwa ngotywala inyanzeliswa ukuba ibusele, kwaye yadlwengulwa ngaphambi kokuba ibulawe.
UThimna wayehleli nomakhulu wakhe ngethuba kufika abahlobo bakhe ababini abangamawele ekhayeni lakhe malunga nomkhono phambi kwentsimbi yeshumi, beze kumcela ukuba aye kulala nabo kokwabo.
Umama wamawele uNoluvo Vulangengqele uthe ukholelwa ukuba umalume wamawele wathenga utywala wanyanzelisa lamantombazana ukuba abusele. Uthe wabanyanzelisa ukuba batshaye ihubbly kwaye walala kwindlu enye namawele kunye nabahlobo bawo.
“Bendingakwazi nokuzinza kumngcwabo ebendiye kuwo eMpuma Kapa. Undiphoxile ubhuti wam, bendimthembile kwaye ndingazange ndicinge ukuba angenza into efana nale,” utshilo.
Umama kaThimna uNokuzola Kuze, ufumanise ngomgqibelo ngesisiganeko. Ukholelwa ukuba intombi yakhe idlwengulwe ngaphambi kokuba ibulawe.
“Intombi yam ibihlala nomama. Ndifike ngomgqibelo ndizobahlambela iimpahla kodwa yena ubengekho ekhaya. Umama ebesele endixelele ngokuba uye kulala kwikhaya labahlobo bakhe,” utshilo.
Omnye wamawele ufunyaniswe ukuba udlwengulwe, kwaye abanye abahlobo babo bafunyaniswe benemikrwelo kumalungu abo angasese.
Amawele afumene uThimna elele phantsi ekubandeni, kwaye bacinge ukuba utiphile, bamombathisa ngengubo.
“Bazamile ukumvusa kodwa khange aphendule. bathe xabezama ukumphakamisa bothuka bakubona igazi liphuma kwilungu lakhe langasese,” utshilo uKuze.
Abahlali bafumene umzimba kaThimna ngentseni yangoMgqibelo, kwaye kuvulwe uxwebhu lophando.
Isithethi samapolisa kwiphondo leNtshona Kapa uCaptain Frederick van Wyk uthe amapolisa aseKhayelitsha aphanda elityala.
“Ityala lokubalawa kwentombazana eneminyaka elishumi elinesithathu liyaphandwa, uphando lokufumanisa unobangela wokusweleka lwenziwe kwaye kuqinisekisiwe ukuba ubulewe, utshilo uVan Wyk.
Umfanekiso ongasentla: NguThimna Kuze
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe