Kubanjwe abanye abarhanelwa malunga nentlekele yokubulawa kwabantu kwitheko lokuzalwa eGqeberha

Ngu Anita Dangazele

Amapolisa ephondo leMpuma Kapa abambe abarhanelwa abane abongezelelweyo ngokunxulumene nokubulawa kwabantu abadutyulwa KwaZakhele eGqeberha ngenyanga yoMqungu. 

Ukubanjwa kwabarhanelwa bakutsha nje kuza emva kokuba umcuphi ophambili kuphando lwesisiganeko efumene umkhondo kubahlali malunga nokuba bangafumaneka phi abarhanelwa abane abaseleyo abaphunculisa ngethuba kubanjwa umrhanelwa wokuqala eWalmer ebutsheni benyanga yoKwindla.  

La madoda aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu ukuya kumashumi amathathu anesine abanjwe kwindawo yasePeelton ngaphandle kwedolophu yaseQonce ngoMvulo.  

Babhengezwe ukuba ngu: Siyabulela Funde oneminyaka engamashumi amathathu, uLuyanda April oneminyaka engamashumi amathathu anesine, uLuzuko Tsotsi oneminyaka engamashumi amathathu kunye noSinaye Tyesi oneminyaka engamashumi amathathu.  

Umphathiswa wezokhuseleko uXolile Nqatha ubaqhwabele izandla abahlali basePeelton ngokusebenzisana namapolisa ukuqinisekisa ukuba abarhanelwa baziswa phambi kwengalo yomthetho.  

“Ngoku simemelela kwinkonzo yobulungisa ukuba isebenzisane ukuze babekwe ityala, batshutshiswe kwaye bagwetywe ngempumelelo,” utshilo.  

UNqatha wongeze ngelithi ukholelwa ukuba ukubanjwa kwababarhanelwa kuzakwenza umahluko omkhulu ukunciphisa iziganeko zokubulawa kwabantu kwiilokishi zommandla weNelson mandela Bay.  

Ababarhanelwa batyholwa ngokuvula isiciko kwinto esele ithiwe igama ngabahlali belokishi zaseGqeberha kusithiwa “zicawe zempalalo gazi”.  

Abarhanelwa batyholwa ngokungena bavulele ngembumbulu kubantu abalishumi elinanye ababezimase itheko lokuzalwa. Abantu abasixhenxe babhubha ngoko na ngoko kwindawo yexhwayelo. Ngelixa owesibhozo waswelekela esibhedlele. Okukubanjwa kwabarhanelwa kuthetha ukuba ngabarhanelwa abahlanu abaseluvalelweni lwamapolisa.  

Isithethi samapolisa uBrigadier Thembinkosi Kinana uthe lamadoda azakuvela enkundleni eGqeberha ngoLwesine.  

Umrhanelwa wokuqala uMzwandile Mahambehlala owabanjwa ekuqaleni kweyoKwindla ulindeleke ukuba avele enkundleni efaka ngokusesikweni isicelo sebheyile ngomhla wesithathu kwekaTshazimpuzi.  

Umfanekiso ongasentla: Indawo yexhwayelo apho kwabulawa abantu ababezimase itheko lokuzalwa KwaZakhele ngomhla wamashumi amabini anethoba kweyoMqungu.   

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Anita Dangazele