
Ngu Everson Luhanga
Icawe iApostolic Faith Mission ibiceba ukuqalisa imithandazo yayo yaphakathi evekini ngoLwesithathu ilungiselela impelaveki yePasika. Kodwa ngoLwesibini, lecawe ihlaselwe sisehlo esishiye amalungu ayo exhwalekile.
Le cawa itshatyalaliswe yaphela ngumlilo, oshiye esisakhiwo siluthuthu. Ngokokutsho kukamfundisi uMandlakayise Motseki, yipulpiti kuphela esindileyo isindiswa ngamalungu elibandla angene ngenkani kumadangatye omlilo ayikhuphela ngaphandle.
“Lo mlilo uqale kungekhomntu gaphakathi kule cawa. Abahlali balommandla kunye nabanye abakhonza kulenkonzo bazamile ukucima lomlilo kodwa khange baphumelele,” utshilo lomfundisi.
Kukholelwa ukuba lomlilo uqale ngenxa yesitovu separaffin esishiywe singagadwanga kwityotyombe elikufutshane. Ngokukhawuleza umlilo unwenwele kumatyotyombe akufutshane kuquka nesakhiwo secawe. Ngethamsanqa akukho mntu ulimeleyo, kodwa amatyotyombe asixhenxe atshabalele ngulomlilo.
“Le cawe ibiphakathi kwamatyotyombe akhiwe ngamazinki. Kuthe xa kusitsha ityotyombe elinye, umlilo wanwenwa ngokukhawuleza usiya nakwamanye amatyotyombe kuquka eli le cawe yethu, ibisingatha amarhamente angaphezu kwamashumi amane, utshilo uMfundisi uMotseki.
Le cawe ilahlekelwe zizo zonke izitulo zayo, kuquka iibhayibhile, ezinye iincwadi zenkonzo kunye nezinye izinto ezisetyenziswa ngexesha lemithandazo. Abantu balahlekelwe zizinto ezibalulekileyo eziquka izatifiketi zabo kunye nezazisi.
Nangona kwehle lentlekele, elibandla lihleli ethembeni kwaye lizimisele ukuba lizakuyibamba imithandazo yalo yePasika.
“Icebo likaSathana lokuba singabinayo imithandazo yepasika alizusebenza,” utshilo uNophethenje Gqumayo olilungu lalenkonzo.
Kungoku nje bacela uncedo ukuze bakwazi ukuvusa isakhiwo senkonzo yabo kwaye baqhubeke nemithandazo yabo eTembisa. “Sizakusebenzisa isebe laseGermiston ukuba kunyanzeleke sisebenzise lona. Kodwa sicela uncedo ukuze sikwazi ukwakha ngokutsha icawe yethu kwaye sibenemithandazo eTembisa,”utshilo uGqumayo.
Umfanekiso ongasentla: Icawe yaseApostolic Faith Mission eTembisa itshatyalaliswe ngumlilo.
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Everson Luhanga