Bonwabela impumelelo yabo oomakhulu baseUnited States

Ngu Nkhensani Mthombeni

Ivalwe ngempumelelo itumente yehlabathi yebhola ekhatywayo yenkondekazi iGrannies Internation Footbal Tournament (GIFT) ebibanjelwe eLimpopo phezolo, apho umdlalo wamagqibela kankqoyi ubuphakathi kweqela iBreakers liqubisana neLesprassa. 

Lo ibingumdlalo wamagqibela kankqoyi wamaqela aseMelika njengoko omabini ebejonge ukuthatha indebe.  

Iqela leBreakers likhokhelwe nguCathy Kelly oneminyaka engamashumi amathandathu ananye likwazile ukuphuma phambili ngomzuzu wokugqibela laphumelela lendebe ngenqaku elinye eqandeni.  

Inqaku elifakwe nguKelly kwisiqingatha sokuqala lithathe eliqela yalibeka empumelelweni, kodwa isantya nokuzimisela kweqela leBreakers kwenze kwanzima kwiqela ebebedlala nalo ukuba likwazi ukulinganisa kulo mdlalo.  

Letumente ithathe iintsuku ezine ibibanjelwe kwibala lemidlalo iNkowankowa Stadium eLimpopo, ibe yimpumelelo enkulu apho abathandi bebhola basekuhlaleni bebefike ngobuninzi babo bezonika inkxaso koomakhulu. UHeather Mulliner waseUS ubhengezwe njengomdlali obalaseleyo kolukhuphiswano, uNomsa Mashego weqela iMbombela Gogos uphumelele imbasa yeGolden Boot award ngelixa uRita Wilkie efumene imbasa yokuba ngoyena mdlali mdala kulemidlalo.  

Iqela leBreakers linikezele lendebe liyiphumeleleyo kuBeka Ntsanwisi, ongumseki weGIFT. “Sikholelwa ukuba lendebe akufanelanga ilishiye ilizwe loMzantsi Afrika, Kwaye akufanelakanga ukuba ilishiye iphondo laseLimpopo ngokuhlonipha umama uBeka, ukwazileyo ukumanya amanina ehlabathi liphela ngebhola ekhatywayo,” litshilo eliqela.  

Ukhuphiswano lweGIFT ngumsitho apho kuthatha inxaxheba amanina aneminyaka engamashumi amahlanu nangaphezulu. Ngamaqela asuka kumazwe afana neZambia, iFrance, iMozambique, amaqela amane aseMelika kunye nasixhenxe elizwe loMzantsi Afrika athathe inxaxheba kule midlalo.  

Abadlali bamanye amazwe bathi, babonwabele ubomi baselokishini, inkcubeko yasekuhlaleni, umculo kwaye bathenge namalaphu eXitsonga kuba bebonakalisa uthando abanalo lwelilizwe.  

Iqela laseUSA lixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba bazakutyelela umyezo wezilwanyana iKruger National Park ngaphambi kokuba babuyele emakhaya.  

Iqela leBreakers kwelinye icala, lithe lizakubhiyozela uloyiso abalulwele nzima ngokuhamba hamba kwizitalato zaseLimpopo. Ibingumdlalo wokhuphiswano omangalisayo! 

Umfanekiso ongasentla: Iqela leBreakers lihleli noMama uBeka Ntsanwisi ngexesha lokwamkela undebe 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Nkhensani Mthombeni.