
Ngu Zukile Majova
Ukhuseleko lwabasebenzi bakwaEskom bephangele okanye bengaphangelanga aluzinzanga kwakhona, oku kuza emva kokuba umsebenzi wakwaEskom wathunjwa ngamadoda asixhenxe awayexhobile ebutsheni balenyanga.
UEskom namapolisa abongoza bahlali ukuba bancedise ngokunikezela ngolwazi olunokuncedisa ukubamba lemigulukudu isixhenxe yadubula ngeembumbulu eziliqela kwimoto yalomsebenzi wakwaEskom ngaphambi kokuba bamthumbe.
Eliqumrhu lezamandla lithe esisiganeko senzeka ngomhla weshumi elinesithandathu kweyoKwindla, longeza ngelithi lo msebenzi waphinda wakhululwa kamva ” ekhululwa kwindawo ekumazantsi esixeko saseJohannesburg kwaye kwanyanzeleka ukuba alaliswe esibhedlele ukuze anyangelwe umonzakalo wawufumana ngokubethwa ngabahlaseli bakhe”.
Ingqonyela elibambela kweliqumrhu uCalib Cassim uthe lenkampani iyamxhasa umsebenzi wayo kunye nosapho lwakhe abazibone behlangabezana nesiganeko esibashiye bexhwalekile.
“UEskom uyazikhalimela izenzo zobundlobonela ezifana nesi kwaye akukhonto izakwenza ukuba banyamezele ukuhlaselwa kwabasebenzi namalungu eentsapho zabo nokuba bahlaselwa ngubani na,” utshilo uCassim.
Ngenyanga yoMqungu lowo ebesakuba yingqonyela yakwa Eskom uAndre de Ruyter wadandalazisa elubala iingxaki zokhuseleko zakwa Eskom, esithi abanye omanejala kumaziko akhe banxiba izikhuseli mbumbulu emsebenzini kwaye bakhuselwa ngonogada abaxhobileyo.
Abafazi kunye nabantwana bahanjiswa ezikolweni nasemisebenzini ngonogada abaxhobileyo kuba kukhona abantu abatyhuthula imali engaphezu kweR1 billion ngenyanga kwinkampani yakwa Eskom.
Wathi izenzo zolwaphulo mthetho kwiziko iTutuka Powe Station elikufutshane naseStanderton kudodobalise izicwangciso zokusebenza kwelaziko kwade kwafikelela kwindawo yokuba amandla eliwavelisayo ame kumyinge ka15% kuphela.
“Oku kwenzeka nakwiziko lokuphehla umbane apho umanejala weliziko enyanzeleka ukuba anxibe isikhuseli mbumbulu ekhatshwa ngonogada ababini abaxhobileyo, ngalo lonke ixesha ehamba kweliziko.
“Inkosikazi yakhe ikhuselwe ngonogada kwaye nabantwana bakhe xa besiya esikolweni bakhuselwa ngoonogada. Oku kubangela zizigrogriso ezenziwa ngobomi bakhe kunye nosapho lwakhe.
“Izenzo zolwaphulo mthetho zinkulu kwaye ziyaxhalabisa kakhulu eMpumalanga kwaye zidinga ukuba zithathelwe amanyathelo angqingqwa,” watsho uDe Ruyter.
Umfanekiso ongasentla: Abasebenzi bakwa Esko
Imvelaphi yomfanekiso: @EskomHoldings