
Ngu Buziwe Nocuze
Ukuhlala kwisitulo samavili khange kumnqande uJames Soganga kwiphupha lakhe lokuqhuba ngempumelelo.
Lendoda ineminyaka engamshumi amahlanu, iyinkuthazo kummandla wayo wokuhlala ingakumbi kubantu abaphila nokukhubazeka.
USoganga welokishi yaseNyanga eKapa, wafumana ukugogeka komzimba wangasezantsi ukusukela esinqeni emva kwesiganeko sokuqweqwediswa esenzeka kwiminyaka emgamashumi amabini anesihlanu eyadlulayo. Ngoku uneminyaka engamashumi amahlanu.
USoganga zange avumele ukukhubazeka kwakhe kubeyeyonanto imenza abenguye. Kwiminyaka emine edlulileyo uqalise ishishini lakhe lezothutho.
Esebenzisa isthuthi sakhe esizitshintsha ngokwaso, uthutha abahlali abase kwindawo abafuna ukuya kuzo.
Ngenxa yokulimala kwakhe, akakwazi kunyathela iziqhoboshi kunye neaccelerator esebenzisa iinyawu zakhe, kodwa oku khange kumvalele. Uqhuba imoto elungiselelwe yena ukuba akwazi ukufaka iziqhiboshi zemoto kunye na accelerator esebenzisa izandla zakhe. USoganga uthi oku kufuna umntu oqaphelayo emgaqweni kwaye abe unolwazi oluphangalelelyo lokuqhuba ukuze asebenze ngempumelelo kulendlela yakhe yokuqhuba.
“Ndiyawuthanda umsebenzi endiwenzayo, kwaye ndonwabile kuba abakhweli bam abanagxaki nokuqhutyelwa ngumntu okhubazekileyo,” utshilo uSoganga.
Uthi abantu abaphila nokukhubazeka kufuneka bayeke ukuzisizela, kwaye kufuneka bafumanise izakhono zabo kwaye bazisebenzise.
“Sonke sinaso isiphiwo, ukhubazekile okanye ungakhubazekanga, kufuneka sisebenzise iziphiwo ukuphucula ubomi bethu,” utshilo.
UThuliswa Nondala ongomnye wabakhweli bakaSoganga uthi wamangaliswa ngumsebenzi wakhe.
“Yayikokokuqala ndibona umntu okhubazekileyo esenza umsebenzi awayewenza, kwaye khange ndibenangxaki yokuqhutyelwa ngumntu osebenzisa isitulo samavili,” utshilo.
Uma ngaphandle kwevenkile ezithengisa ukutya, alindelele abakhweli bakhe, hayi ukuba elungiselela ukuba abenengeniso kuphela, kodwa ulungiselela nokukhuthaza abanye abantu abaphila nokukhubazeka.
“UJames Soganga akayondoda njee, ungumfuziselo wethemba, ukuzimisela kunye nokukhuthaza abanye abantu,” utshilo omnye wabahlali.
“Usibonisile ukuba ayikho into engenzekiyo xa umntu ezimisele,” wongeze watsho lomhlali.
Umfanekiso ongasentla: UJames Soganga elinde abakhweli ngaphambi kwevenkile yokutya,
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze.