
Ukunukisa amavumba abanye abantu kunganceda ukwehlisa iintloni okanye ukoyika ukuncokola nabanye abantu, lutsho uphando lwakutsha nje.
Iintloni okanye ukoyika ukuncokola nabanye abantu yimeko ebonakalisa ukungazinzi ngokwengqondo apho abantu bakhathazeka ngokugqithisileyo ngeemeko zokunxulumana nabanye abantu.
Uzibuze ke mfundi ukuba lwenziwe njani oluphando? Iqela labaphandi lithathe umbilo wamakhwapha kubantu abazinikeleyo ukuthatha inxaxheba koluphando, abebehleli bebukele inkqubo ezonwabisayo okanye ezihlekisayo kumabona kude ezifana noMr Bean’s Holiday.
Lombilo uzakusetyenziswa wathathwa wavavanywa ngokuba ufaniswe neendlela zakudala zokunyanga iintloni.
Oluphando lubonakalise ukuba iintloni zokuthetha ziyancipha xa kusetyenziswa iindlela zakudala zidityaniswa nokunukisa amakhwapha.
Oluphando lwenziwe kumanina angamashumi amane anesibhozo anentloni, abanye kubo banikwe ukuba banukise umoya ococekileyo ngelixa abanye benikwe ukuba banukise ivumba lomzimba womntu, itsho ingxelo ye Sky News.
Emva koku bonke abathathi nxaxheba benze inkqubo yokuzihlola kwaye abo bebenukisa amavumba amakhwapha babonakalise ukuncipha kwentloni ngomyinge ka39%.
Ukanti abobasebenzise iindlela zakudala babonakalose ukuncipha kweentloni ngomyinge ka17% kuphela.
Abaphandi bakholelwa ukuba ikhona into eyenza ubani azive epholile akunukisa umbilo womntu, kodwa bayavuma ukuba ininzi into ekufuneka yenziwe ngaphambi kokuba lendlela isetyenziswe ngokupheleleyo.
UElisa Vigna okhokele oluphando osuka kwiziko iKarolinska Institute eSweden uthe “abothukanga kakhulu” ziziphumo zophando.
“Kungenzeka ukuba kulula njengokuba ukuqhelana nevumba lomntu kunegalelo, kodwa kufuneka siqale sikuqinisekise oku,” utshilo.
Iqulunqwe ngu Dylan Bettencourt
Umfanekiso ongasentla: Amakhwapha