Livele elubala igqwetha lobuxoki  

Ngu Everson Luhanga

Kwimeko engaqhelekanga emangalise abaninzi, indoda ebizenza igqwetha elaziwayo ibanjwe enkomeni ngaphakathi kwenkundla kamantyi eBethal ngelixa imele indoda ebekuxoxwa ityala layo. 

Oku kufumaniseke emva kokuba ookhetshe benze uphando olubanzi bafumanisa ukuba ubunini balendoda – bubuqhophololo.  

UDoctor Sobetha, ongengogqirha nekungenzeka ukuba akalilo negqwetha, ubanjwe ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesine kweyoKwindla kwaye uvele enkundleni ngoMvulo.  

Ngexesha lokubanjwa kwakhe, eligqwetha lobuxoki belimele umrhanelwa onguMhlabuyaxega Mntungwa otyholwa ngokunxulumana netyala lokubulawa kukamanejala wenkampani eyaziwayo iSam Holdings ngonyaka ka2019. Eli ibilityeli lesine eligqwetha lobuxoki limele lomrhanelwa enkundleni.  

Samsung Galaxy 14G

Akukacaci ukuba injongo yeligqwetha lobuxoki ibiyintoni, nokuba uzakuzuza ntoni ngokumela indoda etyholwa ngokubulala, okanye ubecinga uzakuliphumelela elityala kusini na. 

OoKhetshe bagaleleke kuye engaphakathi enkundleni emva kokuba ohlulekile ukwazisa iziphatha mandla igama leziko lemfundo awayefunda kulo izifundo zomthetho.  

Izinto akwazileyo ukuzibonakalisa njengobungqina yigown ebeyinxibile kunye nesatifiketi sebanga leshumi kuphela.  

Emva kokubanjwa kwakhe, inkundla iyeyanzeleka ukuba ilimise ityala lomrhanelwa otyholwa ngokubulala kuba ezakufunyanelwa elinye igqwetha.  

Bobanini umrhanelwa otyholwa ngokubulala kunye negqewetha lobuxoki baseluvalelweni. NgoMvulo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kulenyanga yoKwindla, bobabini bebevele enkundleni. UMntungwa ubevele ngetyala lokubulala ngelixa uSobetha ebevele ngetyala lokuzenza igqwetha. Omabini lamatyala arhoxiselwe umhla wesithathu kwinyanga kaTshazimpuzi kunyaka ka2023 kuba kusachola cholwa ubungqina obuphangaleleyo.  

Isithethi sebutho lookhetshe uCaptain Dineo Lucy Sekgotodi uthe uSobetha oneminyaka engamshumi amathathu ananye, oligqwetha lobuxoki ubevele enkundleni ngoMvulo ngetyala lokuzenza igqwetha. Ubevela kwinkundla kamantyi iBethal.  

Ngaphambi kokubotshwa kwakhe ngoMvulo, uSobetha ubemele uMhlabuyaxega Mntungwa oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe kwityala lokubulala lowo wayesaya kuba ngumanejala weSam Holdings uNkosinathi Emmanuel Ngcongo owadutyulwa wabulawa ngonyaka ka2019. UCaptain Sekgoitodi uthe bafumana ulwazi lokuba uNgcongo wadutyulwa ngabarhanelwa ababini abathi bagcwala amathafa emva kokumdubula.  

Emva kokubulawa kukaNgcongo, amapolisa apapasha umfanekiso kaMntungwa kusaziswa uluntu ukuba ngumrhanelwa ofunwayo malunga netyala lokubulala.  

UMntungwa wade wabanjwa ngomhla wokuqala kweyoMdumba kunyaka ka2023, liqela lephondo elithungatha abarhanelwa KwaZulu-Natal. Wabekwa ityala lokubulala, wavela kwinkundla kamantyi iBethal kwaye wahlala elugcinweni lwamapolisa.  

Omnye umrhanelwa uPhindokuhle Eugene Nkosi wabanjwa kwaye wafunyaniswa enetyala lokubulala losomashishini. Wagwetywa iminyaka engamashumi amabini anesihlanu ethothoza eziseleni ngonyanga yeDwarha ngonyaka ka2020.  

Umfanekiso ongasentla: UDoctor Sobetha evele enkundleni ngoMvulo emva kokubotshwa kwakhe ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yoKwindla. 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe libutho looKhetshe.