Babongoza ungenelelo luka mongameli abahlali baseSajonisi emva kwentlekele yempuphuma

Ngu Songeziwe Mapukata

Uphantsi koxinizelelo umongameli uCyril Ramaphosa njengoko imvula ene ngamandla kwiveki ephelileyo yonakalise iziseko ezingundoqo kwiDolophu yaseSajonisi eMpuma Kapa. 

Kutyelelo lwakhe lwangoLwesibini apho ebeyokuhlola ubungakanani bomonakalo obangelwe zizikhukhula kulommandla, uRamaphosa ubongozwe ukuba angenelele ukuqubisana nokulungiswa kwemibhobho ehambisa amanzi kuledolophu.  

Kwiiyure njee ezimbalwa zokuna kwemvula emandla kwiveki ephelileyo, kusele umonakalo omkhulu. Uninzi lwamashishini alahlekelwe ziziseko ezibalulekileyo, nalapho iintsapho ezininzi zixhomekeke kulamashishini ukuba zifumane ingeniso.  

UNzamela Ncoyini uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ulahlekelwe ziinkukhu ezingaphezu kwamakhulu amathathu kunye nehagu, ngethuba kudilika indlu ebezihlala kuyo ngethuba lempuphuma zeveki ephelileyo.   

“Njengoko ndingomnye wosomashishini abaninzi abalahlekelwe kanobom kulentlekele, silindele ukuba umongameli athethe malunga nophuhliso lwamashishini asekuhlaleni ukuze sikwazi ukukhulisa icandelo lethu kwezoshishino. Le dolophu ineziseko zeminyaka engaphambi ko1976 ezingasalungiswayo, kwaye ezibolayo,” utshilo uNcoyini.  

Uthi iziseko ezingunqodo ezikhoyo azikwazi kumelana nezidingo zasekuhlaleni.   

“Uninzi lwabantu abahlala kuledolophu abaxhaswa ziziseko zikarhulumente. Sifuna I-ofisi kamongameli ingenelele ngenkxaso mali eyakhe yanikezelwa nakumasipala wasekuhlaleni iKSD ukuba ifikelele nalapha, ukuba kunganjalo izinto ezininzi zingangcono kakhulu.”  

Ishishini likaNcoyini sele lineminyaka likhona ukusukela ngonyaka ka2011. Uthe omathenga ethengisa, abecandelo lezothutho, abashishina ngokupheka kunye nabashishina ngendawo zokulala basebunzimeni ngoku. Kodwa ukuba bangafumana inkxaso mali yongenelelo lwe-ofisi kamongameli, banethemba lokuba amashishini abo angavuseleleka.   

Usodolophu walomasipala uNomvuzo Mlombile-Cingo wongeze ngelithi abahlali baseSajonisi kudala besokola bengathathelwa ngqalelo, ukusukela kokuqala kwentlekele ezikumila kunje ngonyaka ka2019. UMlombile-Cingo uthi banethemba lokuba umongameli uzakunika ingqalelo imiceli mngeni emininzi equka ukuphuhliswa kwamashishini asakhasayo.  

“Abanye abantu basahlala nabamelwane babo, kuba abakakwazi kubuyela kwimeko yesiqhelo oko bathi bahlaselwa yintlekele yokuqala. Oomathenga ethengisa izixhobo zabo zakhukhuliseka ngamanzi. Abantu bafuna ukubona idolophu yabo ivuselelwa, kuba ingxaki enkulu ibangelwa yimibhobho yokuhambisa amanzi engasalungiswayo, bafuna ukuyibona ilungiswa, izitalato zisakhiwa ukuze zikwazi ukunqanda ezinye zeengxaki ezikhoyo,” utshilo uMlombile-Cingo.  

Lo kaMlombile-Cingo uthe balindele uRamaphosa ukuba alungise iingxaki ezimalunga neendlela ezisetyenziswa ukuthutha iimveliso zamashishini ukuze lukwazi ukukhula ngokukhawuleza uqoqosho lwasekuhlaleni.  

“Asikwazi ukuba iiloli ezihambisa izixhobo nokutya zihambe ngendlela ejikelezayo, zisuka eMt Aylif ziye koLusikisiki ukuze zize eSajonisi,” utshilo uMlombile-Cingo.  

Ebutsheni bemini umongameli uthethe nabathathi nxaxheba kwiholo yedolophu yaseSajonisi ngaphambi kokuba atyelele ezona ndawo zichaphazeleke kulentlekele. Uncome iSajonisi ngokuba yidolophu yochwepheshe belixa elizayo (Future Smart city). 

“Ndikubone oku ngethuba bendibhabha ngenqwelo moya, kwaye ndiyavuya kuba nonke niyakholelwa ukuba ingayidolophu echubekileyo yelizwe loMzantsi Afrika. Kwaye ndifuna ukuba ndibekhona ndiyibone kuba ndiyakholelwa ukuba ingenzeka,” utshilo uRamaphosa.