Abafundi bakwaBhaca bavelise iRobot ekhathalela abantu abadala kunye nabo bakhubazekileyo

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Abafundi abane bephondo leMpuma Kapa babenombono omangalisayo wokwakha irobhothi eyenziwa ngobuxhakaxhaka balemihla ekhupha amachiza elungiselelwe ukusetyenziswa ngabantu abadala kunye nabo baphila nokukhubazeka. 

Ababafundi bane benza ibanga lesixhenxe kwisikolo samabanga aphakamileyo iZinyosini Senior Secondary School kummandla wasemaphandleni KwaBhaca, kwaye bahamba phambili kwicandelo leerobhothi.  

UVuyisa Bhakadela, uEmihle Mehlwana, uLimi Michela Nodalai kunye noJunior Lwandle Misindo bathumela umbono wabo kukhuphiswano lukazwelonke lweNational Robotics Competition kwaye bakwazi ukufikelela kwisigaba sezikolo ezingamashumi amabini, kwizikolo ezazingaphezu kwamakhulu amahlanu ezazingenele olukhuphiswano kuzwelonke.  

“Nokuba asiphumelelanga, kodwa silibonisile ihlabathi into enokwenziwa ngabantwana bezikolo zasemaphandleni, kwaye umbono wethu ubumtsha ungundoqo, besingaphuculi kusebenza kwento esele ikhona.” utshilo uSinethemba Mvumvu, obengumcebisi wabo exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.  

Samsung Galaxy 14G

“Ndiqinisekile abafundi bam bebezakuphumelela ukuba ukhuphiswano olu beluhamba ngokwendlela ecaciswe ngayo imveliso esiyenzayo,” utshilo uSinethemba.  

Irobhothi yabo yenzelwe ukukhumbuza umsebenzisi wayo xa kufike ixesha lokuba asele amachiza akhe, imkhuphele ipilisi kunye namanzi kwaye incede ukuba angawaseli ngokweqileyo.  

Eyona nto ibakhuthaze ukuba bavelise elirobhothi kukufuna ukunceda abantu abadala kunye nabaphila nokukhubazeka ekuhlaleni, kuba ngamanye amaxesha bayalibala ukuthatha amachiza abo, ngamanye amaxesha bawathathe kabini kuba belibele ukuba bebewaselile.  

Ngelishwa, lokunqongophala kwendawo ezithengisa izixhobo zokwakha iRobhothi, banyanzeleke ukuba bayakhe ngosuku olunye irobhothi yabo, nto leyo ibangele ukuba ingasebenzi ngokupheleleyo. 

Kodwa oku khange kubavalele ukuba bangayibonakalisi imveliso yabo enika umdla kanobom, bebonakalisa uthando lwabo lwecandelo lwezamarobhothi. 

USinethemba uthe ukungabinazo izixhobo kwababafundi, ngenxa yokuba bevela kwindawo zasemaphandleni kubenze bangakwazi ukuphumelela.  

“Yonke enye into ibihamba ngendlela, ngaphandle kwerobhothi elingakhange lisebenze,” utshilo uMvumvu.  

Noxa kunjalo, ukuthatha inxaxheba kolukhuphiswano kutshintshe ubomi bababafundi kuba bafumene izakhono ezibalulekileyo eziphucule umgangatho wabo wokuzithemba kunye nokuthetha esidlangalaleni.  

Baphinde bafunda ukuba iirobhothi zibuphucula njani ubomi baba tu.

UVuyisa Bhakadela ongomnye wabafundi abathathe inxaxheba kolukhuphiswano uthe uyabulela kakhulu ukufumana elithuba, kwaye unethemba lokuba uzakuphinde athathe inxaxheba kukhuphiswano olufana nolu kwixesha elizayo.  

Umfanekiso ongasentla: Abafundi besikolo samabanga phakamileyo iZinyosini Senior Secondary beseMpumalanga kunye nomcebisi wabo uMnumzana uMvumvu kunye nalowo wayesakuba nguMiss SA uShudufhadzo Musida 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe