URamaphosa utyelela idolophu ethwaxwe zimpuphuma iSajonisi

Ngu Zukile Majova

Umongameli uCyril Ramaphosa uzakundwendwela idolophu engumtsalane kuba khenkethi, iSajonisi ngenjika langa yangoLwesibini ukuyakuzibonela ngokwakhe umonakalo obangelwe zezimpuphuma.

ISajonisi ikhangeleka njengendawo yentlekele kuleveki emva kokuhlaselwa yimvula ene ngamandla.

Umgangatho ophantsi wamapayipi okuhambisa amanzi, ubangele ukuba ledolophu ibe lichibi ngamanzi kungaphelanga neyure ezingakanani, nto leyo ibangele umothuko kuluntu lwalommandla. Ngabantu abathathu abaphulukene nemiphefumlo yabo ngelixa omnye esalahlekile.

Izikukhula zifutshanise kanobom kangangokuba abaqhubi khange babenaxesha lokususa izithuthi zabo banyanzeleka ukuba bazishiye kwizitalato zaledolophu njengoko amanzi evele agcwala ngokukhawuleza aphamtse afikelela esinqeni kwezinye iindawo.

Samsung Galaxy 14G

Amakhaya abantu adilikile njengeoko izindlu zabo zodaka bezingasakwazi kumelana namanzi.

Ngamakhuku-khulu abantu abasele bengenamkhaya kuledolophu kunye neminye imimandla yomasipala wesithuili iO.R Tambo equka imimadla yaseMthatha nezinye iziza ezityala abatyeleli ezifana neCoffee Bay kunye neHole-in-the-Wall.

Iqonga lendaba iScrolla.Africa liqalise ukupapashea ngalomonakalo ngoMvulo.

Inkulubaphathiswa yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane ubetyelele esisithili ngoMvulo wazibonela mhokwakhe umonakalo okuhola wendlela omntsha uN2 odibanisa imimandla yophuhliso lwezoqoqosho yaseMonti nase Gqeberha kunye neTheku.

“Lomasipala ugutyungelwe kukuna kwemvula engayekiyo kweziveki zimbalwa zidlulileyo, ezibangele ukhukhuliseko olwenze abantu baphulukana nemiphefumlo yabo, abahlali banyanzeleka ukuba bafuduke kwaye zonakalisa neziseko,” itshilo iofisi kamongameli.

“Imozulu embi kakhulu ebikhutshelwe isilumkiso zizanuse zezulu zoMzantsi Afrika ukuba ilindelekile ngomhla weshumi elinesibini neshumi elinesithathu kwinyanga yoKwindla ichaphazele imimandla yomasipala basekuhlaleni abaquka iSajonisi, Ingquza Hill, iNyandeni kunye neKing Sabatha Dalindyebo.”

Ezimpuphuma zichaphazele iziseko ezingundoqo, kunye nokunikezelwa kwamanzi, unikezelo lombane, kwaphazamiseka inkqubo yokutitsha kumaziko emfundo, kwaye iindlela nebhulorho zithe zadilika kulentlekele.

URamaphosa uzakube ephelekwe ngumphathiswa wesebe lorhulumento ngokubambisna nemicimbi yemveli uThembi Nkadimeng kunye noMabuyane.

Iintsapho ezingenamakhaya okwangiku, zihleli kwiziko iPort St Johns Youth Centre.

Umfanekiso ongasentla: Ngumongameli uCyril Ramaphosa.