
Ngu Zukile Majova
Umbutho weDemocratic Alliance ungene kwisizini yolonyulo ngokuvusa impi nabavoti abamnyama.
Lombutho umemelela ukubhagiswa kwemithetho eyenzelwaa ukulwisana nenkqubo yengcinezelo, imithetho yokuthatha inyathelo kunye nophuhliso lwamashishini abantu abamnyama, ngelithi lemithetho ityebisa kuphela bantu abangosaziwayo kwezopolitiko.
Inyathelo leDA ngakwimithetho yokulwisana nemithetho yamanyathelo aqathu ukulwa nengcinezelo kuwenze ukuba kwi xa elingaphambile upohulukane neenkokheli zawo ezingabantu abamnyama, kwaye uyaqhubeka ngokubeka lombutho njengo mbutho wabantu bebala elithile.
“Imithetho yeDA ngokwenkululeko yezoqoqosho ijonge ukwakha uqoqosho ekuxhamla wonke ubani eMzantsi Afrika, apho kungekho mehluko ukhethe icala phakathi kwethu,” utsho umthetho walombutho omalunga nobulungiswa bwzoqoqosho.
Bukhona ubungqina benkcukacha zophando obubonakalisa ukuba umahluko phakathi kwabantu abamnyama nabantu bebala eMzantsi Afrika ungaphaya kwendlela obaonakala ngayo esidlkangalaleni.
Uphando lwenkampani iPriceWaterhouseCoopers lwakutsha nje lubonakalisa ukuba abantu abamhlophe kweli abangumyinge ka7.9% woluntu lweli, benza umyinge ka78% weengqonyela zeenkampani eziphezulu eMzantsi Afrika.
Kwiminyaka emibini edlulileyo iKomishoni yamalungelo oluntu eMnzantsi Afrika yapapasha ingxelo ebonakalisa ukuba umyinge ka64% wabantu abamnyama boMzantsi Afrika, baphila kwintlupheko xa bethelekiswa nomyinge ka1% wabantu abamhlophe kunye no6% wabemi baseAsia.
UMongameli uCyril Ramaphosa uyayithethelela inkqubo yeBEE kubagxeki bayo, kodwa ukwamkelwa kwenkxaso yayo kuyadingeka ukuze osomashishini aba,nyama abaninzi bakwazi ukungena kushishino olungundoqo.
“Kucacile ukuba mninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe ukukhawulelana nemiceli mingeni emininzi ejamelene nosomashsihsini abamnyama. Oku kuquka ubunzima ukufumana imali yokuqalisa amashishini, kunye nemali yokukhulisa amashishini abo kunye nengxaki yokjuba amashsishini amancinci nasakhulayo akwazi ukufumana iqonga labathengi beemveliso zabo. Amashishini amanina amnyama, ngawona abethaka l=kakhulu ukufumana amaqonga amakhulu ophuhliso,” ubhalile uRamaphosa kwincwadi yakhe yeveki yesizwe.
Lengxoxo yenzeka kusuku ngaphambi kwengqungquthela yolonyulo yalobutho, ekulindeleke ukuba ithathise ngoMgqibelo eJohannesburg.
Lengqungquthela ilindeleke ukuba igqibezele imigaqo nkqubo yeDA ezakwenza izibhambathiso zalombutho zolonyulo njengoko kujongwe kulonyulo luka zwelonke ngoinyaka ka2024.
Umbutho weDA ubonakala ulkahkekelwa ziitovi kuzwelonke nakumaphondo ukusukela ngomnyaka ka2014, apho yaphumelela ngevoti ezikumyinge ka22,23% xakuthelekiswa nomyinge ka20,7% ngonyaka ka2019.
Kwangeloxesha linye umbutho okwindawo yesithathu ngobukhulu kweli iEFF yakhula i`suka kumyinge ka6.3% ngonyaka ka2014 yayakutsho ku10.8% ngonyaka ka2019.
Abavoti abamnyama bancede umbutho weDa ngokunmciphisa ivoti yombutho weANC yayakutsho ngaphantsi kuka50% kummandla waseNelson Mandela Bay, kwisixeko saseJohannresburg, kumasipala ombaxa Ekurhuleni kunye nomasipala ombaxa iTshwane.
Ukanti bazakuphinde badl;ale indima enkulu kwilinge leDA lokunciphisa ulawulo lombutho weANC ubengaphantsi komyinge ka50% eRhawutini kunye nokuzwelonke.
Ukuvusa impi nabantu abamnyama abaxhamla kwimithetho elwisana nokucinezelwa kwabantu abamnyama kwezzzoqoqosho, ayilonyathelo lilungileyo lokufumana iintliziyo zabavoti abamnyama.
Umfanekiso ongasentla: Inkokheli yeDa uJohn Steenhuisen
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook