
Ngu Buziwe Nocuze
“Ndivuyela nje ukuba ndibe ndiyaphila. Lembumbulu ibinokundichana kweyona ndawo inobungozi ndisweleke.”
Lomkhweli udutyulwe emlenzeni ngethuba ibhasi ye-Intercape ebehamba ngayo idutyulwa ngamadoda ebexhobile malunga netsimbi yeshumi ngobusuku bangeCawa.
Lendoda ineminyaka engamashumi amane anesibini icele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba linkonywe igama layo kuba esoyikisela ukubekwa ityala lokusola.
Ubengaphakathi kulebhasi ye-Intercape esendleleni egodukayo esiya eKapa ngethuba ihlaselwa kufutshane naseKaladokhwe.
Umqhubi uxelele abakhweli ukuba lebhasi ixulutywa ngamatye, kodwa khange ayimise kuba ubengazi ukuba abahlaseli bayo bazakwenza ntoni emva koku.
Kungekudala, ixhoba live ukutshisa ethangeni lasekhohlo kwabona kuphuma negazi. Ngokothuka lendoda ixelele umntu obehleli ecaleni kwayo ukuba idutyulwe.
Oku kubangele umsindo omandla kwabanye abakhweli kuba oku kwenzeka kwindlela apho kudla ngokwenzeka iziganeko eziliqela zokuhlaselwa kwebhasi, kutyholwa ukuba zihlaselwa yimigulukudu edibene necandelo letaxi.
Ixhoba livakalise ukungakholwa ukuba isiganeko esinje ngesi singenzeka kwibhasi ye-Intercape, ayikhethe kuba inconywa ngokhuseleko kunye nesithozela sayo. “Zange ndake ndacinga ukuba ndingadutyulwa ndingaphakathi ebhasini, kwaye okungumqa kukuba ndim ndodwa olimeleyo kula bhasi.”
“Ngabantu abanjani abanesibindi sokudubula ngaphakathi ebhasini kugcwele abakhweli? Abanantliziyo kuba bekukhona nabantwana kula bhasi. Thina besifuna uhambo olunoxolo.”
Ngentlahla ukhutshiwe esibhedlele ngenjika langa yangoMvulo. Ubelindele isithuthi seIntercape esizakumsa eKapa. Lendoda ilimeleyo ithe “isezintlungwini kakhulu”, kodwa ayikwazi kulinda ifuna ukufikela ekhaya.
Inkampani yebhasi i-Intercape iluqinisekisile uluhlaselo, isithi ibhasi zayo ezintathu zifumene ukuhlaselwa kwiphondo leMpuma Kapa ngeCawa. Ukanti isithethi senkonzo yesipolisa eMpuma Kapa uWarrant Officer majola Nkohli uthe baphanda ityala lokuzama ukubulala.
I-Intercape imemelela iziphathi mandla ukuba zithathele ingqalelo eziziganeko zokuhlaselwa kwaye kubanjwe abenzi boku. “Ngamatyala angaphezu kwekhulu namashumi amathathu asele evuliwe kwinkonzo yesipolisa eMpuma Kapa kwaye akukho nomnye umntu osele ebanjiwe,” itshilo lenkampani.
Eziziganeko zakutsha nje zenzeka nangona kwaphuma isigunyaziso senkundla ngenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo, esasinyanzelisa lowo ubengumphathiswa wezothutho uFikile Mbalula ukuba aqubisane “ngokukhawuleza” nohlaselo lweebhasi zemigama emide i-Intercape, itshilo ingxelo yeqonga lendaba iNews24.
Inkundla ephakamileyo yephondo iMpuma Kapa ezinze eMakhanda yanyanzelisa uMbalula ukuba “ngokukhawuleza amilizele inkqubo ezizakusetyenziswa ukuqinisekisa ukhuseleko lwabakhweli nabaqhubi bebhasi zemigama emide,” itshilo inkampani yakwa Intercape kwimbalelwano.
Ngexesha lokukhutshwa kwesisigunyaziso kwakutyikitywe amatyala angaphezu kwekhulu namashumi amahlanu ezenzo zobundlobongela, eziquka ukudutyulwa, ukuxulutywa ngamatye kunye nezenzo zokundlandlathekisa ezijoliswe kwibhazi zakwaIntercape nezinye ezihamba imigama emide, kutyholwa ukuba zenziwa ngophumasilwe abaphantsi kwamqumrhu eetaxi ajonge ukulawula iindlela.
Izenzo zobundlobongela zivuse uloyiko kubakhweli bezibhasi, ingakumbi uninzi lwabantu bezakutyelela iingtsapho zabo ngeholide zepasika.
Umfanekiso ongasentla: Ifestile eyophukileyo ngaphakathi kwibhasi ehlaselwe ngeCawa
Omvelaphi yomfanekiso: NguZandile Bangani.