Intwazana ephila nomhlaza ongaziwayo isezintlungwini

Ngu Anita Dangazele

UAnesipho Gotyana ebecinga ukuba uzakube esenza ibanga leshumi kunye noogxa bakhe kulonyaka – kodwa uhlobo olunqabileyo lomhlaza lulimise ngxi iphupha lakhe. 

Icala lonke lobuso balentwazana ineminyaka elishumi elinesixhenxe, iyinzalelwane yasePeddie kweliphondo leMpuma Kapa, ligutyungelwe ngumhlaza. 

Into nje encinane eyaqala ngaphakathi emlonyeni wakhe, kungokunje ayanelanga nje kukuthatha ubuso bakhe, kodwa igubungele ubomi bonke. 

Ngenyanga yeSilimela ngonyaka ka2022, uAnesipho waqalisa ukuva iintlungu ezimandla ngaphakathi emlonyeni wakhe. Wathi akuya kwiziko lempilo elikufutshane naye eGlenmor, icuntswana leqhuma ebuhlungu emlonyeni wakhe lathathwa laya kuhlolwa, kwafumaniseka ukuba unomhlaza. Intlobo yomhlaza anawo awukaziwa kwesisigaba. 

UAnesipho unyanzeleka ahambe umgama elide esuka ePeddie esiya eMakhanda ngetaxi ukuze akwazi ukufumana inqwelo yezigulane ezakumsa eGqeberha apho enziwa khona uhlolo lwenyanga nenyanga. Kodwa oku kongeza kubunzima obujamelene nalentwazana. Usapho lwakhe ngamanye amaxesha luyasokola kwa ukudibanisa imali yokukhwela kwakhe. 

Utata wakhe uVusumzi Lukashe oneminyaka engamshumi amane anesihlanu uthe intombi yakhe inyanzeleke ukuba iyeke phakathi esikolweni ngenxa yentlungu ezinganyamezelekiyo ezimongamela usuku nosuku. 

“UAnesipho wanyanzeleka ukuba anyamezele iintlungu ukusukela ngenyanga yesiSilimela kunyaka ophelileyo. Wanyamezela kwade kwafikelela ixesha lokubhalwa kweemviwo zokuphela unyaka njengoko ebesenza ibanga leshumi elinanye kunyaka ophelileyo. 

“Ndisalukhumbula nosuku awathatha ngalo isigqibo sokuyeka phakathi esikolweni. Wandicenga ukuba ndiye esikolweni sakhe ndixelele ootitshala bakhe ukuba akasakwazi kugqibezela iimviwo zakhe zenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo. Wayesezintlungwini kakhulu,” utshilo. 

UAnesipho waswelekelwa ngunina esemncinci, kwaye ebehlala kwikhaya lika mama wakhe ePeddie kwade kwaba sekuqaleni kulonyaka. Utata wakhe wamthatha ePeddie waya kuhlala naye eAddo apho asebenza khona njengomsebenzi wase fama. 

ULukashe uthe wathatha isigqibo sokuba azohlala naye apha kuba idolophu yaseAddo ingekude kwisibhedlele saseGqeberha apho anyangwa khona. Noxa kunjalo imali yokukhwela iTaxi isoloko iyingxaki kutata walentwazana. 

Kungoku nje, umemelela uluntu ukuba lumncede nangayiphi na inkxaso yokunceda intombi yakhe.

Ukuba ukhona umntu ofuna ukuphosa esivivaneni, uyacelwa aqhakamshelane notata wakhe uVusumzi Lukashe ku(071) 096-6916.

Umfanekiso ongasentla: NguAnesipho Gotyana onecala lobuso obunganyelwe ngumhlaza.

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe