
Ngu Razeen Gutta
Ikomiti ejongene nokuziphatha yeFifa inqumamise umqeqeshi eCongo ngelixa umongameli wequmrhu lezemidlalo laseCameroon, iCameroon Sports Federation ejamelene nophando kwimeko yenyanga ezimbalwa yokungahambi kakuhle kwezinto kwezemidlalo eAfrika.
UJonathan Bukabakwa, ongumqeqeshi webhola ekhatywayo osebenze kumaqela aseLipopo naseMalebo eDemocratic Republic of Congo, unqunyanyisiwe okomzuzwana kuyoyonke into enokwenza nezemidlalo de kuphele iinyanga ezintlanu.
Ezindaba ziza emva kokuba ikomiti yezimilo yeFifa ivule iingxoxo ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga yoKwindla. UBukabakwa ngomnye wabaqeqeshi abambalwa abathe baphandwa ngenxa yezityholo zokuxhaphaza ngokwesondo abantwana abancinci.
Ukanti elityala likude le kwelokuba lingalinye, njengoko iziziganeko ezohlukeneyo ezenzeke kutsha njekwibhola ekhatywayo kuphela.
Umongameli wequmrhu lebhola ekhatywayo laseGabone uPierre-Alain Mounguengui wachitha ixesha leenyanga ezintandathu egwetywe ukuba angasondeli kwinto enokwenza nebhola ekhatywayo, kwaye wabekwa ityala ngokohluleka “ukuxela ulwaphulomthetho malunga ngokuba neemvakalelo zezesondo ngakubantwana abancinci”.
Ngaphandle kwecandelo lebhola ekhatywayo, amatyala akumila kunje ayakhula, nalapho umongameli wekomiti yeParalympics waseCameroon uHerve Guy Ngiyo Ngong ephandwa malunga netyala lokudlwengula.
UNgong uzakujamelana nokunqunyanyiswa emva kokuba kuphothulwe uphando, ngokokutshio kwengxelo ye BBC Sport Africa.
Umfanekiso ongasentla: Yilogio yeFIFA
Imvelaphi yomfanekiso: @Fifacom