Bancamela kumanzi eNkwali abahlali baseTshwane

Ngu Karabo Rammutla

Kwehla intlekele engalibalekiyo ngethuba kutshona amakhwenkwana amabini kwinkwali ukude kufuphi nendawo yamatyotyombe iSkierlik, engaphandle kweMamelodi kunye nentshona yaseTshwane kwiminyaka emibini edlulileyo. 

Kwathi kwakufumaneka imizimba yalamakhwenkwana mabini uTony Moore owayeneminyaka emine kunye no Siyabonga Mabila owayeneminyaka esixhenxe ngosuku olulandelayo, abahlali bafunga ngelithi soze baphinde bavumele ukwehla kwentlekele efana nale – ngako ke bayibiyela lenkwali. 

Kodwa ngoku, bajamelene nentlekele yokunqongophala kwamanzi, ucingo olubiyele lenkwali luqhawulwe ngabahlali abadinga amanzi okusela. 

Abahlali balendawo baxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba banyanzeleka ukuba basele amanzi amdaka, ekwatshona kuwo lamakhwenkwe mabini kuba babanga ngelithi sele kuphele iinyanga ezimbini isixeko saseTshwane singabahlinzeki ngamanzi kwitanki zabo.

Ngentseni yangomvulo abahlali baseSkierlik bavale eBronkhorstspruit ngamatayari avuthayo kunye nezinye izinto beqhankqalazela ukunqongophala kwamanzi. Idolophu yaseBronkhorstspruit iyinxalenye yesixeko saseTshwane. 

Omnye wabahlali abathatha inxaxheba koluqhankqalazo uEvans Makgoleng uthe, bazakuvala lomgaqo ntsuku zonke bade babe bafumana amanzi. 

“Nditsho izilwanyana ezikumyezo wezilwanyana iRietvlei game reserve zinamanzi angcono kunawethu kuba amanzi afumaneka kwimigxunya yazo yokusela acocwa sisixeko saseTshwane, kodwa abakwazi kusinika amanzi thina. Eyona nto imbi ngakumbi kukuba – akukho nomnye umntu ozikhathaze ngokusixelela ukuba kutheni lunqamkile unikezelo lwamanzi,” utshilo.

Uthe abanayo enye indlela ngaphandle kokuba basele amanzi alenkwali yasuba imiphefumlo yamakhwenkwana amabini. 

“Kubuhlungu ukusela amanzi endaweni owaziyo ukuba kwasweleka abantu kuyo, kodwa asinayo enye indlela. Sizakufa lunxano ukuba asiwaseli amanzi alenkwali ibulalayo,” utshilo. 

Omnye wabaqhankqalazi uJohannes Malapane uthe isixeko saseTshwane asinabuntu. 

“Abakhathalelanga nenkxwaleko esadlula kuyo ngexesha lokutshona kwalamakhwenkwana. Kungekudala kuzakuqhambuka izifo, bona bazakukhupha iimbalelwano ezingabhadlanga malunga nokuba abantu mabasele amanzi acocekileyo okanye balinde ukuba kutshone uninzi lwabantwana bethu ngaphambi kokuba sifumane amanzi,” utshilo. 

Isithethi sesikhululo samapolisa esikufutshane iBoschkop police station uSergeant Yeroboam Mbatsane uthe, bawuvulile umgaqo kwaye babasusile abaqhankqalazi. 

UMbatsane uthe akukhomntu ubanjiweyo emva koqhankqalazo lwangoMvulo. 

Isithethi sesixeko uLindela Mashigo uthe bazakwenza uphando, babuyele kwiqonga lendaba iscrolla.Africa. 

Umfanekiso ongasentla: Abahlali bavale umgaqo eBronkhorstspruit beqhankqalazela ukungabikho kwamanzi

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Karabo Rammutla