Babanjiwe abarhanelwa abadubule babulala Abaqhubi bezithuthi eNtabankulu

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Amapolisa abambe abarhanelwa abane ngokunxulumene nobundlobongela becandelo lezothutho oluqhambuke eNtabankulu ngoMvulo, kweliphondo leMpuma Kapa.

Ababarhanelwa badubule babulala abaqhubi ababini bezithuthi zika wonke wonke ngentseni yangoMvulo.

Abaziboneleyo bathi esisiganeko senzeke malunga necala emva kwentsimbi yesibhozo kusasa.

Amaxhoba ekukholeleka ukuba aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ukuya kumashumi amane anesibhozo adutyukwe ilanga lihlabe umhlaba, nto leyo ibangele umothuko omkhulu kulommandla.

Umhlali othe wachaphazeleka koludubulo, ubalekiselwe kwisibhedlele esikufutshane ukuyonyangelwa inxeba lokudutyulwa.

Ukubulawa ngokungena lusini kwababaqhubi kushiye elicandelo lidandathekile kwaye lixhwalekile.

Esi sisiganeko sokuqala esiloluhlobo kutsha nje ukuba senzeke kwidolophu esemaphandleni, kumgama wekhilomitha ezingamashumi amathathu ukusuka KwaBhaca kunye nomgama wekhilomitha ezingamashumi amahlanu ukusuka eKokstad kweliphondo leMpuma Kapa.

UBaxolele Fumba ongusihlalo wombutho wezothutho wasekuhlaleni iBorder Alliance Taxi Association uthe unomsindo sesisiganeko. Kwaye bayasikhalimela isenzo esiloluhlobo.

Isthethi samapolisa kwiphondo leMpuma Kapa uBrigadier Thembinkosi Kinana uthe kuvulwe amaxwebhu ophando malunga nesisiganeko.

“Amadoda amabini aqhuba izithuthi zika wonke wonke adutyulwe abulawa namhlanje [ngoMvulo] eNtabankulu. Unobangela wokubulawa kwawo awukaziwa, kodwa uphando lokuqala lubonakalisa ukuba lamadoda ebephuma kudederhu lwevenkile iNtabankulu Plaza ngethuba kusithi gqi abarhanela abavulele ngembumbulu kwisithuthi sabo zabashiya beswelekile,” utshilo uKinana.

Umasipala wasekuhlaleni iNtabankulu ukhuphe imbalelwano ememelela bonke abathathi nxaxheba ababandakanyekayo ukuba basombulule ingxaki abanazo ngeengxoxo bayeke ukubhenela kubundlobongela.

Umfanekiso ongasentla: Itape yenkonzo yesipolisa