Urhulumente udodobalusa iqumrhu labahlali Ingonyama Trust.

Ngu Celani Sikhakhane

Imbambano emalunga nolawulo lwequmrhu Ingonyama Trust – kunye nokusilela kukarhulumente ukuhlawula ityala elingaphezu kweR3 billion – zezinye zezinto ezibangela ingxaki phakathi kweliqumrhu.

Ezingxaki zikhankanywe kumqulu wengxelo yezimali onamaphepha asixhenxe ye Ingonyama Trust onikezelwe kuKumkani uMisuzulu kaZwelithini ngomhla wamashumi amabini kweyoKwindla. Ukanti olunye ushicilelo lwalengxelo luyafumaneka kwiqonga leendaba iScrolla.Africa.

Yingxelo iqulunqwe ngusihlalo walebhodi uJudge Jerome Ngwenya ibhengeze ukuba eliqumrhu zange lalahlekelwa yimali ngendlela engaqondakaliyo, kodwa urhulumente ubangele ilahleko engafanelekanga ngokohluleka ukuhlinzeka ngemali ibhodi njengoko nomgaqo siseko usitsho.

Uthe eliqumrhu lakhupha imali engaphezu kweR120 Million ukuxhasa ibhodi emva kokusilela okwenziwe ngabom ngurhulumente ukuxhasa lebhodi.

Samsung Galaxy 14G

“Ngokwemvelo izimali zeequmrhu zijongwa ngabantu abatyala imali. Kodwa iqumrhu Ingonyama Trust izimali zalo zijongwa yibhodi ebekwe ngurhulumente. Le yeyona ngxaki inkulu kunye nembambano malunga nolawulo lweliqumrhu,” utshilo uNgwenya kulengxelo.

Ubhengeze ukuba sele kuphele iminyaka urhulumente endlandlathekisa eliqumrhu engafuni kuhlawula imaliyentengo okanye intlawulo yenyanga nenyanga yezikolo, amaziko empilo, amahlathi, izikhululo zamapolisa kunye neziseko nezinye ezininzi ezidonga ukuhlawulelwa ngurhulumente.

Lengxelo ikwathi eliqumrhu likwazile ukuzenzela eyalo indlela yokwenza imali, Ingonyama Holding. Ebekelwe ukuba isebenze kwicandelo lezoshishino kwaye ilindeleke ukuba ibhaliswe kwiJohannesburg Stock Exchange phantsi kweBayede Impact Fund (BIF).

Ikwabhengeze ukuba ngonyaka ka2021 eliqumrhu kwakufanele likhuphe ingxelo eya kwinkokheli zemveli neenkosi, kodwa loontlanganiso yathi yarhoxiselwa elinye ixesha.

Lentlanganiso iphinde yarhoxiswa kwakhona ngenyanga yoMqungu kulonyaka kuba eliqumrhu lizaqubisana nemicelmingeni.
UNgwenya uthe iziseko eziza nengeniso ezizezeliqumrhu Ingonyama Trust zanele ukuba eliqumrhu likwazi ukuzimela njengelona qumrhu labahlali likhulu kwilizwe loMzantsi Afrika.

Lengxelo inikezelwe kwiSouth African National Editors Forum, kurhulumente waseKZN kunye nenkulu baphathiswa yephondo laseKZN njengoko myalelo weKumkani.
UNgwenya uthe ubukho be Ingonyama Trust kuwukhusele umhlaba wophantsi kweenkokheli zemveli kumaqumrhu afane neconsortiums kunye namanye asetyenziswa ngoosopolitiki ukususa abantu kumhlaba ewokhokho babo kuba befuna ikwakha amashishini abo.

Ubalule imizekelo efana neyomhlaba waseMacambini kumantla ephondo laseKZN owaphantse wathengiswa kwiqumqhu ladeDubai iRuwaad Consortium. Inkulu baphathiswa yeloxesha uSbu Ndebele kunye nomlawuli wakhe uKwazi Mbanjwa batyelela eDubai apho batyikitya isivumelwano sentsebenziswano kunye nesisigqeba. Abahlali balwa ngolonahlobo njengoko babenikwa umyalelo wokuba mabasuke kulomhlaba bayekwezinye iindawo behamba namangcwaba abantu babo. Ekugqibeleni Ingonyama Trust yakwazi ukuyimisa lentengiselwano.

Umfanekiso ongasentla: UPrince Mangosuthu Buthelezi oyinkulupaphathiswa ejongene  nezemveli kubukumnkani  baseKZN, iKumkani uMishzulu kaZwelithini kunye noJaji Jerome Ngwenya Ngwenya olilungu le-Ingonyama Trust board
Imvelaphi yomfanekiso: Polity.org