
Ngu Songeziwe Mapukata
Iindadi zamapolisa zisephantsi phezulu zikhangela umzimba wendoda eneminyaka engamashumi amane ekhukhuliseke ngolwesine kwiimpuphuma ezihlasele eSajonisi ngolwesine weveki ephelileyo.
Eli lityeli lesibini lezikhukhula ezihlasele ledolophu ikunxweme, eyakhiwe kanye kumlomo womlambo Umzimvubu, olinganiselwa kumgama olingana ne70km kwimpuma yedolophu yaseMthatha, nalapho zishiye zonakalise izinto ezininzi.
Ngemini emaqanda ngoLwesine, kufunyenwe umzimba womntu oselula oneminyaka elishumi elinesibhozo, utyekezwe ngumlambo iLuthezane River.
UAsenathi Mkawusi uqinisekiswe ngamapolisa ukuba uswelekile. Kwaye ube lixhoba lokuqala ukusweleka, elandelwa nguFumanekile Ntshubaqa oneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu, ekufunyenwe umzimba wakhe kwiiyure ezintathu emva kokufunyanwa komzimba wokuqala; ufunyenwe kulwandle iGrovsnor Beach.
“Ixhoba lesithathu, uMhlabunzima Sikhathele oyoindoda eneminyaka engamshumi amane, wendawo yaseRhole eLambase naye unkcwile kumlambo iLuthenaze River ngolwesine akakafumaneki. Iindadi zisekwindawo yexhwayelo zisebenza nzima zikhangela umzimba ongekafunyanwa,” uxelel iqonga leendaba iScrolla.Africa uBrigadier Tembinkosi Kinana.
UKinana wongeze ngelithi amapolisa avule amatyala amabini azakuphandwa.
USodolophu woMasipala waseSajonisi uNomvuzo Mlombile-Cingo uthe ledolophu inengxaki neziseko zokuhambisa amanzi ezibangela iimpuphuma ezenza umonakalo kuledolophu.
Ukwathethe neqonga lendaba iScrolla.Africa ngendlela ledolophu engekabuyeli ngayo kwimeko yesiqhelo emva kwentlekele yempuphuma zangenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo.
“Eyona nto isenza sixhalabe ngoku yindlela yokuba iinkonzo zizakufikelela njani eluntwini kuba abanye abantu basavalelekile ngenxa yokhukhuliseko lomhlaba. Kukhona ukhukhuliseko lomhlaba kwiindawo ezingaphezu kwesixhenxe olubangela ukuba kungafikeleleki kwilali ezininzi , nto leyo yenza kube nzima kwa ukuthenga ukutya. Nditsho sele sizama ukucoca imigaqo evalekileyo, umonakalo uyanda.”
Ngaphambi kwentlekele yakutsha nje, ledolophu ibisalele ngasemva ngebhulorgho ezingamashumi amane ezidinga ukwakhiwa ukunciphisa ubunzima obabangelwa ziimvula ezina ngamandla. Ngoku longezelelekile elinani kuba zininzi ibhulorho ezimoshakeleyo.
Umasipala wasekuhlaleni Sajonisi, uphantsi komasipala wesithili iOR Tambo oqhubekayo ukuchaphazeleka zimvula ezina ngamadla. Kwinyanga ephelileyo iimvula enengamandla yonakalise isiza esithandeka kakhulu ngabatyeleli eCoffee Bay.
“Siludinga kakhulu uncedo ngenkqubo yokuchitha amanzi edingeka kwiwardi ezingaphezu kwamashumi amabini. Nanjengoko lenkqubo yokulungiswa kweziziseko ibisele iqalile, siphinde saphindiselwa umva yilentlekele. Noxa kunjalo, kunzima kakhulu ukusebenza ehlotyeni kuba ayiyeki ukuna imvuka kodwa sinethemba lokuba imeko izakuba ngcono ebusika.”
Ibhunga elikhokheleyo lizakuhlala mgoMvulo, njengoko liqhubela phambili nokuncedisa abo badingayo.