
Ngu Everson Luhanga
Kungoku nje imigaqo ebiyongenyelwe yimingxunya iyalungiswa – emva kwengxelo yeqonga lendaba iScrolla.Africa.
lemingxunya isezindleleni inyanzelise abanikazi bezithuthi zikawonke wonke Ekurhuleni ukuba bangene nzulu kwipokotho zabo baphinde baye ezindleleni beyozivalela ngokwabo lemingxuma.
Bathenga amatye nezinye izixhobo ezizobanceda bakwazi ukusebenza kwezindlela ngelixa abanye abaqhubi beetaxi beyalela izithuthi ukuba zihambe phi ingakumbi xabesebenza kwindlelia ezidibanayo.
Abanikazi beetaxi basebenzisene noosomashishini ePhola Park nase Eden Park kwisixeko sas’Ekurhuleni, besenza umahluko kubaqhubi abaninzi.
UEmmanuel Maleka ongu mnikazi wetaxi kunye nesithethi sequmrhu iAlberton Taxi Association uthi emva kokuba iqonga lendaba iScrolla.Africa lipapashe ibali malunga nabanikazi bezithuthi abazilungisela imingxunya ezindleleni ngokwabo, eliqumrhu liqalise lafumana iminxeba evela kumasebe karhulumente ebuza ukuba yeyiphi imigaqo emoshakele ngokumandla ukuze bayilungise.
Kungoku nje, urhulumente uzise iqela lakhe kunye nezixhobo zokulungisa iindlela.
UMaleka uwaqhwabele izandla amandla amaqonga eendaba ngokusondeza lomba kwiofisi zikarhulumente apho unikwe ingqwalasela oyidingayo. “Sibulela iqonga lendaba iScrolla.Africa kunye nesikhululo sika nomathotholo sasekuhlaleni ezipapashe elinqaku,” utshilo.
Bachithe ixesha elide kakhulu bezama urhulumente ukuba alungise imigaqo.
“Kodwa emva kwesithuba esingaphantsi kweveki ezimbini elibali livele kumaphepha ndaba, kukhon intshukumo kwaye kungekudala sizakuba nomgaqo inkcolekileyo kwaye omtsha,” utshilo uMaleka.
Ngolwesibini umhla weshumi elinesibini kule yoKwindla, baqikelelwa kumashumi amathathu abanikazi bezithuthi kunye noosomashishini abangamaxhoba eminyanya esezindleleni, ababonakale belungisa imigaqo ngodaka oluthengwa sele luxutyiwe.
UMbongeni Fatyela ongumnikazi wendawo iSolomzi Place, ePalmridge eKatlehong ekuyindawo etsala abatyeleli, uthe wazibandakanya nephulo iVala Amampothole kuba imingxunya esendleleni iyalichaphazela kakhulu ishishini lakhe. “Abantu esibahlindleka ngeenkonzo bebengonwabi xakufuneka beze kwindawo yam ngenxa yemeko yendlela.
Ubongoze urhulumente ukuba asebenzisane nabantu abachaphazelekayo yimeko leyo ekuhlaleni. “Sichithe imali kweliphulo kodwa kukhangeleka ngathi asibulelwa.
“Ukuba bayeza kuthi, sizakusebenzisana nabo ukuze kubengcono ekuhlaleni,” utshilo uFatyela.
Umfanekiso ongasentla: Umgaqo olungiswe ngokutsha Ekurhuleni
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe