IProteas zibethe iWest Indies kumdlalo  weT20

Ngu Razeen Gutta

Iqela leProteas lidlale kakuhle ngendlela emangalisayo ngaphambi kweqela eliyintandane yaseCenturion, ebelingalindelanga ukuba eliqela lizakuba nemitsi engaphezu kwamakhulu amahlanu njenjikalanga yangeCawa.

Iqela labatyeleli, ebelidlamkile kuba livela kudlala umdlalo wokuvula olukhuphiswano kusuku ngaphambi kwalomdlalo, eliqela liqale lasokola kodwa lakwazi ukwenza oothinti abahlanu ngemitsi engamakhulu amabini anamashumi amahlanu anesibhozo. 

ibingumdlalo wabo wokuqala weT20 eCenturion ukuba neziphumo eziphezulu kangaka, nalapho uJohnson Charles enze u118 ngo 46, kwisiqendu sokuqala somdlalo. 

Ngexesha lekhefu, abalandeli bebengayivali imilomo malunga nesiqalo salomdlalo esinike ithuba elihle kangaka lempumelelo kulomdlalo. 

Samsung Galaxy 14G

Nanjengoko ephume ekuqaleni komdlalo ngoMgqibelo, uQuinton de Kock unike ilizwe loMzantsi Afrika isiqalo esihle kakhulu kunye neCentury yodumo. 

UReeza Hendricks kwelakhe icala ukwazile ukumnika inkxaso, nalapho efumene othinti abangamashumi amathandathu anesibhozo ngeebhola ezingamashumi  amabini anesibhozo, kumdlalo wakhe wamashumi amahlanu etumente yehlabathi iT20. 

Kumjikelo wokugqibela, uKapteni uAiden Markra, kunye noHeinrich Klaasen bagqibezele lomdlalo ngendlela engaqhelekanga, bephumelela lomdlalo ngoothinti abathandathu kwimidlalo emithathu edlaliweyo.

Njengoko bekuvaka intsholo yengoma kaBob Marley ethi “Three Little Birds” kumabala emidlalo ebeligcwele ngabalandeli iSupersport Park emva kwalomdlalo, abalandeli bebhola yeqakamba belizwe loMzantsi Afrika bebezakuyiva imvakalelo ngeliculo. Kungenzeka ukuba “yonke into izakulunga” ekugqibeleni. 

Umdlalo wesithathu nekungowokugqibela kwiT20 uzakube udlalelwa kwibala lemidlalo iBull Ring eJohannesburg ngolwesibini. 

Umfanekiso ongasentla: NguQuinton de Kock

Imvelaphi yomfanekiso: @ProteasMenCSA