Balugcwabevu ngumsindo abasebenzi benkampani kaSihlalo weANC abangahlawulwa mivuzo

Ngu Doreen Mokgolo

Sele kuphele iinyanga ezintlanu bengafumani mivuzo abasebenzi benkampani yoonogada, eyonganyelwe nguSihlalo wombutho weANC eTshwane uEugene “Bonzo” Modise.

Ngolwesibini oonogada beeOfisi zikaMasipala babeke phantsi izixhobo beqhankqalaza, kwaye bathi abazubuyela emsebenzini bade babe bahlawuliwe yinkampani iTriotic Protection Services.

UTsholofelo Matjila ongumsebenzi walenkampani uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba bakhathele ukusebenza simahla ngelixa abanikazi benkampani bephila ubomi obuntofo-ntofo ngenxa yokusebenza kwabo.

“Ekuqaleni sathi xasibuza ngokungahlawulwa kwethu, saxelelwa ukuba umasipala wesixeko saseTshwane akakayihlawuli inkampani,” utshilo.

Samsung Galaxy 14G

“Le asiyongxaki yethu. Izivumelwano zengqesho yethu azikho phakathi kwesixeko saseTshwane kodwa ziphakathi kwethu nenkampani iTriotic Protection Services.”
Uthe kungoku nje lenkampani itshintshe ibali ebaxelela lona.

“Basixelela ukuba inkampani ayinamali yokuhlawula imivuzo yethu,” utshilo.

Omnye wabasebenzi abavutha ngumsindo uSello Seshoka uthe banyanzeleka ukuba baye emsebenzini nokuba abanayo imali yokukhwela besingisa emsebenzini.

“Kwenzeka njani ukuba silindeleke ukuba sibe semsebenzini, sibeke ubomi bethu esichengeni sikhusela izakhiwo sibe silambile kwaye sikhathele?” Ubuzile uSeshoka.

“Xa singafuni kuza emsebenzini, sigrogriswa ngokukhelelwa ngomsebenzi kunye nokuba kuzakufakwa abanye abantu kwizithuba zethu ngoko nangoko.”

Uthe banoxanduva oludinga imali kwaye abasakwazi ukunikezela ngeemfuno ezingundoqo zeentsapho zabo.

UModise uthe inkampani isebenza ngemali mboleko njengoko umasipala esohluleka ukuhlawula inkampani yakhe nezinye ezihlinzeka ngeenkonzo kulomasipala.

“Siqwele kwamali koovimba benkampani ukuze sihlawule abasebenzi kwinyanga ezidlulileyo,” utshilo.

“Ndizaku zama ukufumanisa kumasipala wesixeko ukuba singayilindela nini intlawulo, kwaye kusemva kokuba sifumene intlawulo apho sizokwazi ukuhlawula abasebenzi.”
Umfanekiso ongasentla: Abasebenzi benkampani yonogada iTriotic Protection Services abasebenza kwisixeko saseTshwane

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe