
Ngu Buziwe Nocuze
Abahlali base Kuyasa eKhayelitsha batyhola umsebenzi wesixeko saseKapa ngokunyanzelisa intlawulo ngaphambi kokuba athathe inkunkuma yabo.
UMsindisi Ngcobo oneminyaka engamashumi amabini anethoba uxelele iqonga leendaba I Scrolla.Africa indlela othuke ngayo ngethuba lomsebenzi ecela abahlali ukuba bamnike imali yokuthenga isiselo.
“Ndilukhumbula kakuhle usuku awaqala ngalo, kwakutshisa kwaye ndandicinga ukuba ucela isiselo kuba kutshisa kodwa waqhubeka esicela yonke imihla xa bezekuthatha inkukuma kwindawo yethu,” utshilo uNgcobo.
Abahlali abangafuniyo ukumnika imali abayithathelwa inkukuma.
“Wonke umntu uyamazi, kwaye uyayishiya inkukuma yabantu abangafuni kumnika mali,” wongeze wenjenje uNgcobo.
Emva kokuba abahlali beqaphele ukuba ufuna imali ngalo lonke ixesha ezothatha inkukuma, bamngqala bambuza ngezenzo zakhe.
“Inkunkuma yenu isoloko igcwele, ewe ndiyarhola kodwa ininzi kakhulu inkukuma yenu kwaye ndisoloko ndigoduka ndiqaqanjelwa ngumqolo, ” utshilo lomsebenzi kubahlali.
Abahlali batyhola ngokuba lomsebenzi ubahlawulisa amashumi amahlanu ee randi, nalapho abanye besithi bevangathi lomsebenzi uyithanda kakhulu imali.
“Oku akulunganga, sihleli sisokola ngokwezimali ngoku kufuneka sihlawule omnye umntu simhlawulela ukwenza umsebenzi wakhe, oku akwamkelekanga kwaphela,” utshilo omnye umhlali.
UGrant Twigg olilungu lekomiti kasodolophu wesisixeko kwicandelo lokuthuthwa kwenkukuma ezilokishini uthe abasebenzi babo abathutha inkukuma abavumelekanga ukucela amalizo ngokuthutha inkukuma emizini.
“Intlawulo yokuthuthwa kwenkukuma sele ibaliwe kwimali ehlawulwa ngabahlali yenkonzo zikamasipala, kwaye abasebenzi barhola imali efanelekileyo ngomsebenzi abawenzayo,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Ilokishi yaseKhayelitsha eKapa apho umsebenzi wesisixeko atyholwa ngokuhlawulisa abahlali ngokuthutha inkukuma ekwimigqomo yabo.
Imvelaphi yomfaneksio: NguBuziwe Nocuze