UMongameli ujongwe ngamehlo abomvu ukuba asuke esikhundleni ngabangcatshi bakhe

Ngu Zukile Majova

Iqela lendibanisela yamalungu athile ombutho weANC elisazikhotha amanxeba, lisajonge ukususa uRamaphosa esihlalweni. 

Inkathazo yaqala mhla uMongameli ebhengeza ukuba uzakubasusa bonke abatyhuthula imali kurhulumente weli, abo baxhamalayo kweliyelenqe lokwebiwa kwemali engaphezu kweR1 trillion kwiminyaka engaphezu kweshumi idlulileyo, baqalisa bafuna ukumsusa esikhundleni.

Abangcatshi baka Rhamaphosa kunye namayelenqe ababemenzela wona abalasela kwiminyaka yokuqala emine yolawulo lwakhe, ekhatshwa lilinge elaphanzayo lokumbeka omnye umntu esihlalweni sakhe njengomongameli wombutho weANC.

Isono sakhe, kukuxhasa umsebenzi wekomishoni eyayiphanda ukubanjwa ngobhongwana kukarhulumente weli, ukuphucula umgangatho wokusebenza kwegunyabantu lezotshutshiso ngokuqeshwa kwabatshutshisi abatsha bangaphezu kwewaka kunye nokongezwa kwabacuphi abazakuphanda amatyala olwaphulo mthetho kwinkonzo yesipolisa. 

Samsung Galaxy 14G

Ingaba kwenzeke ntoni kumalungu ombutho weANC angumyinge wamashumi amane epesenti, ohlulekileyo ukuthathela kuwo ulawulo lwalombutho kwinkomfa yolonyulo ngenyanga yoMnga? 

Eli liqela elaliquka uninzi lwabantu ababandakanyeka kwizenzo zolwaphulo mthetho, ebelijonge ukutshabalalisa inkqubo kaRamaphosa yokulwa nolwarhwaphilizo. 

Usihlalo wombutho weANC uGwede Mantashe ubiza eliqela lamalungu alombutho “ngendibanisela yeengxwelerha”.

Babehamba phambili ngokumemelela ukuba kubhangiswe isisombululo sokwehliswa esihlalweni kwenkokheli ezibekwa amatyala olwaphulo mthetho, esathathwa kuba kukhuselwa igama lombutho.

Indibanisela yamalungu angabangcatshi bakaRamaphosa isekhona kumbutho weANC, ilola amacebo, itshintsha ukuhlala namacala, bonke bephantsi kolawulo lukaRamaphosa. 

Ekuqale eli yayiliqela likaJacob Zuma, emvakoko lajika laxhasa “iphulo likaNDZ” kuba babefuna konyulwe uNkosazana Dlamini Zuma. Kungekudala, belixhasa ukonyulwa kukalowo ubesaya kuba ngumphathiswa wesebe lezempilo uZweli Mkhize lijonge isihlalo sokongamela lombutho. 

UMkhize uqobo lwakhe, akahambisani nenjongo zeliqela lizibiza nge-radical economic transformation (RET). 

Njengoko iphulo likaMkhize lingasekho, eliqela sele liphinde latshintsha kwakhona – ngoku lihambisana nosekela mongameli uPaul Mashatile njengenkokheli yalo. 

UMashatile wayengazange ahambiselane neliqela ngaphambili, kodwa isikhundla sakhe wasifumana ngenxa yenkxaso yalo.

Kwaye uzakulidinga namanani alo, ukuba uzokwazi ukohlula iqela elibizwa nge-Ankole Faction, njengoko libizwa njalo iqela labaxhasi bakaRhamaphosa kumbutho weANC. 

Iqela labangcatshi bakaRamaphosa, liyakholelwa ukuba lingakwazi ukumnyanzelisa aphume esihlalweni lungekafiki uvoto lonyaka ka2024.

Kungoku nje sele lihamba nosaziwayo okhokhele umbutho weEFF uJulius Malema, obezama ukujingela phantsi urhulumente kaRamaphosa ngeyelenqe abelibiza inkqubo yokumiswa kwentshukumo zoluntu ngomhla wamashumi amabini kweyoKwindla. 

Kwakhona ngaphandle kwemida yombutho weANC, ngumbutho weAfrican Transformation Movement okhokhelwe nguVuyo Zungula, ongumxhasi omkhulu kaZuma okhokhele lombutho kunye nalowo wayesaya kuba sisithethi sikaZuma Jimmy Manyi. 

UZungula ukhokhele iphulo elimemelela ukutshutshiswa kukaRamaphosa ngendima awayidlalayo kwiyelenqe lokufihlwa nokwebiwa kwemali kwifama yakhe iPhala Phala, apho kwebiwa imali efikelele ku$580,00 kwikhaya likaRamaphosa ngonyaka ka2020. 

UManyi sisicathalala esasisetyenziswa ngabakaGupta, owazama ukukhohlisa ilizwe ngokuthenga inkampani yemveliso zeendaba yaKwaGupta, kodwa inkampani yakwaMultichoice yalibona emanzini eliyelenqe yayikhupha phantsi kolawulo lweDStv. 

Ngoku bafumene umhlobo omtsha kuZwelinzima Vavi owayesaya kuba yinkokheli yombutho osebenzisana ne ANC iCosatu ngaphambi kokuba akhutshelwe ngaphandle. Oku kumvelele engaphandle ekubandeni kungekho masebe ombuso azakuzimela ngawo aza nokuba yinxalenye yombutho weANC, iCosatu okanye iSACP.

UVavi obebeyinxalenye yomngcelele kaMalema ngoMvulo, ngoku ukhokhela umbutho weSouth African Federation of Trade Unions (Saftu).

UZuma onguyena mseki weliqela, kungoku nje usebenzisa amandla ombutho iSouth African National Civic Organisation (Sanco) ukuzama ukungciba isakhono sakhe esele siphelelwa kwezopolitiko. 

ISanco ngokommo esiyinxalenye kanxantathu weANC kwaye usihlalo wayo wephondo laKwaZulu-Natal, uZuma ulibazisa ixesha lokuthatha umhlalaphantsi njengoko engasenamfutho kwezopolitiko. 

Kodwa kona umbuzo umile ngowokuba ingaba eliqela leengxwelerha lingakwazi ukususa inkunzi (Ramaphosa) esibayeni sayo kusinina?. Kodwa emva kwembutye yenkqubo yokumiswa kweentshukumo zoluntu kuleveki, angabona ngathi ngeke baphumelele.