Ujamelene netyala lokuzama ukubulala umnikazi wendawo yentselo 

Ngu Buziwe Nocuze

Umnikazi wendawo yentselo waseKhayelitsha ujamelene netyala lokuzama ukubulala emva kwezityholo zokuba ugalele omnye wabathengi bakhe ngamanzi abilayo. 

UNatasha Tengeni oneminyaka engamashumi amabini anasithandathu, uchacha kuhle emva kokutshiswa ngamanzi abilayo. 

Uthe ingxaki iqale ngethuba lokulwa kwakhe nommelwane wendawo yentselo. 

“NgoMvulo kwiveki ephelileyo ndiye ndalwa nommelwane wakhe, ngethuba efika kum nomyeni wakhe wandihlasela,” utshilo. 

“Bendothuke kakhulu ngethuba umnikazi wendawo yentselo esithi babendibetha kuba ndandisikwa kwisitalato sabo. Akukhomntu unesitalato. Ukuba ngusomashishini oshishina ngotywala akumenzi abengumnikazi wesitalato. 

Umhlobo kaTengeni wamcela ukuba ahambe nabo ukuya kulendawo yentselo ngoMgqibelo beyosela ibhiya.

“Kodwa ndithe ndisayohlala phantsi, umntu othengisela abantu kulendawo yentselo wandicela ukuba mandiphume,” utshilo. 

Kutyholwa ngelithi uthe uTengeni esaphuma, umnikazi wendawo yentselo wamgalela ngamanzi abilayo emekumgangatho wesibini wesisakhiwo. 

“Wayemile kumgangatho ophezulu kwindawo yakhe yentselo. Ndambona xandiphakamisa amehlo,” utshilo. 

UTengeni wabuyela kulendawo yentselo eye kubonisa umnikazi wayo, indlela atshe ngayo ngamanzi kuba enethemba lokuba uzakucela uxolo. 

Kodwa zange acele xolo. Kutyholwa ngelithi umnnikazi wendawo yentselo le wathi kuye: “Ufuna ntoni apha? Ingaba ufuna ndiphinde into endayenze kuwe? Phuma ngaphinde ubuye.

isithethi sesikhululo samapolisa iLingelethu, uConstable Nyalambisa, uqinisekisile ukubanjwa komnikazi wendawo yentselo oneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo, kwaye ujamelene namatyala okuzama ukubulala. 

Umfanekiso ongasentla: NguNatash Tengeni, ekutyolwa ukuba watshiswa ngamanzi abilayo ngunikazi wendawo yentselo eKhayelitsha eKapa.

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze