
Ngu Songeziwe Mapukata
Umfundi omnye ufumene umonzakalo emva kokuba kungene amasela akhuthuza umfundi emkhombe ngomkhono wekati, kwenye yeendawo zokuhlala abafundi beDyunivesithi iWalter Sisulu eMonti.
Malunga necala emva kwentsimbi yeshumi ebusuku, oonqevu ababini bakwazile ukufumana indlela yokungena kwindawo yokuhlala abafana iGeraldine residence, bexhobe ngemela kunye nompu, banyanzelisa lomfundi ukuba abanike imfono mfono kunye nekhomputha yakhe.
Emva kokuthatha izixhobo zalomfundi, baye bamtshixela kwigumbi lakhe. Kutyholwa ngelithi emva kokuba beyiqondile into eyenzekayo abanye abafundi, baye baleqa oonqevu abo.
Omnye umfundi ohlala kulendawo uNkosinathi Sibongo uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba abanqevu aba, kunokwenzeka ukuba bafumene indlela yokungena ngokuncediswa ngumntu olapha ngaphakathi.
“Ixesha abafike ngalo, nendlela abangene ngayo iyakrokrisa. Ukhuseleko apha luphezulu, kwaye kufuneka ikhadi lakho lesikolo ukuze ungene, ngako ke kucacile ukhona obancedileyo. Okanye unogada nguye ongakhange akhathale.
“Ukhuseleko zange lwake lwaba yingxaki kwaphela, kuba isiganeko esifana nesi zange senzeka.”
Umfundi owenza unyaka wesibini odutyulwe ngethuba beleqa oonqevu abo, ufumene ukonzakala esiswini. uye wawa ecaleni komgaqo, kufutshane nendawo yokuhlala abafundi abangamanina.
UVuyo Tologu olilungu leSouth African Youth Council kweliphondo leMpuma Kapa uqinisekisile ukuba oonqevu bakwazile ukungena kulendawo ihlala abafundi, besebenzisa ikhadi elifunyanwa ngumfundi obhalisele ukuhlala kwindawo zokuhlala zaseSouthernwood kuphela.
“Ndifumene umnxeba ovela komnye wemibutho yabafundi obekhona ngethuba lesiganeko endixelela malunga nokudutyulwa kwalomfundi. Nangona kungeka caci ukuba abahlaseli aba bangene njani kumasango alendawo yokuhlala bedlula nakoo nogada, inye into ecacileyo kukuba bebenalo ikhadi lokungena. Simemelela kubaphathi abaphezulu ukuba baqwalasele ukonyusela ukhuseleko kwindawo zokuhlala abafundi, ngendlela yokuba kuthunyelwe amapolisa ongezelelweyo azakugqogqa kufutshane neendawo zokuhlala abafundi ezifana neSouthernwood. Sikwa bongoza iDyunivesithi ukuba iphande iziphene ezikhoyo ezibangele ukuba kwenzeke oluhlaselo.”
Umfundi olilungu lesigqeba sabafundi iSRC ocele ukuba angadizwa uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba umonzakalo walomfundi awumngakanani, kwaye imeko yakhe izinzile. Wongeze ngelithi abaphathi bedyunivesithi bazakudibana nabathathi nxaxheba ngoLwesihlanu bexoxa malunga nokhuseleko lwabafundi.
ityala lokuzama ukubulala livuliwe kwisikhululo samapplisa iFleet Street.