
Ngu Thabisa Ndzindzwa
Inkqubo yokuvalwa kweendlela ephazamise iindawo ezohlukeneyo kwiphondo leMpuma Kapa ngentseni yangoLwesine inqunyanyisiwe kude kube ngoMvulo.
Abaqhubi bezithuthi zika wonke wonke bebevale iindlela kwiindawo ezohlukeneyo zephondo, bebangela uphazamiseko olumandla kubasebenzi nabafundi.
Iqumrhu elongamele ezothutho iSantaco ithe isigqibo sokubamba uqhankqalazo sithathwe kwintlanganiso ebibanjwe eMthatha ngoLwesithathu.
Oyena nobangela wokuvalwa kweendlela kukuba abanye babaqhubi betaxi neebhasi abathutha abantwana besikolo abakahlawulwa ukusukela ngenyanga yeNkanga.
“Isebe lezothutho lohlulekile ukufezekisa izinyanzeliso zethu, eziquka intlawulo eyongezelelweyo kwiitaxi nebhasi ezihamba kwindlela zegrabile kunezo zihamba kwindlela ye-tarr,” itshilo imbalelwano ekhutshwe leli qumrhu.
Ukanti, isithethi sesebe lezothutho kwiphondo leMpuma Kapa uUnathi Bhinqose uthi ukuhlawulwa kwabantu abathutha abantwana akuyongxaki okwangoku.
“Ewe besinayo ingxaki yokushokoxeka kwemali kunyaka ophelileyo, kodwa sikwazile ukubahlawula bonke abafake izigunyaziso zentlawulo kwangabikho zimpepha zisileleyo.
“Abaqhubi abangahlawulwanga ngaba izigunyaziso zabo zibe namakhwiniba, afana nokuba abanye abazigunyaziso zokuqhuba, kodwa umnyango usavuliwe ukuba bezengaphambili balungise konke ekufuneka bekulungisile ukuze bafumane intlawulo zabo,” utshilo uBhinqose.
Wongeze ngelithi isebe alinayo imali eqingqiweyo eliyihlawula ngokuthutha abantwana besikolo, ngako ke abakwazi kuzibophelela kwimali eqingqiweyo yenyanga ehlawula umqhubi ngamnye.
UGabs Mtshala ongumququzeleli weSantaco kwiphondo leMpuma Kapa uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba abaziphiki ezingxaki zikhoyo. Nangona babeziphakamisile kwisebe lezothutho ekuqaleni konyaka, ezinye zazo zasonjululwa.
Kwelinye icala uZola Yalelo ongusihlalo weSantaco apha ephondweni uqinisekisile ukuba uqhankqalazo balunqumamisile, belindele ukuhlala intlanganiso nomphathiswa wesebe lezothutho uXolile Nqatha ngoMvulo.
Isebe lezothutho kwiphondo leMpuma Kapa likhuphe isingxengxezo kubasebenzisi bendlela abathe baphazamiseka luqhankqalazo olubangele ukuvalwa kweendlela.
Umfanekiso ongasentla: Izithuthi ebezivalelwe kuhola wendlela uN2 KwaBhaca naseQueenstoen ngentseni yangolwesime