
Ixesha elongezelelweyo: Oko wathi wabekwa njengomqeqeshi weBafana Bafana ngenyanga kaCanzibe ngonyaka ka2021, uHugo Broos ubesoloko esokola ukufumana umdlali othembekileyo ofaka amanqaku – kude kubengoku, kubhala uMicheal Madyira.
IBafana Bafana kudala iyintlekisa kwizigaba ezininzi, ingakumbi xa kufikelela kwisigaba sokufaka amanqaku.
Ngabadlali bangaphambili abaliqela abaquka uTshegofatso Mabasa, uEvidence Makgopa, uFagrie Lakay, uLuther Singh, uAshley du Preez kunye noVictor Letsoalo abohlulekayo ukuzibonakalisa njengabadlali abathembekileyo ukukhokhela iqela loMzantsi Afrika xakuhlaselwa.
Amathemba abanye bababadlali okubuyela kwiqela leBafana Bafana atshabalele.
UBongokuhle Hlongwane, uLyle Foster kunye nZakhele Lepasa nabo bohluleka ukuzibonakalisa njengabadlali abanokufaka amanqaku rhoqo kwiqela leBafana Bafana.
Isakhono sikaPercy Tau kwibhola ekhatywayo yehlabathi sithe gqolo ukuphazanyiswa kukonzakala ebaleni, ngelixa uLebo Mothiba lo ungu mdlali waphambili kwiqela iStrasbourg eqhubeka nokungakhathalelwa nto leyo imenza abeyindoda elityelweyo.
Icandelo lePremier Soccer League (PSL) liyohluleka ukuvelisa abadlali ekunokuthenjelwa kubo abafaka amanqaku nto leyo iliphazamisileyo iqela lesizwe.
Ngokukhathazeka kwakhe uBroos, kuzo zonke iinkampu zakhe unyanzeleke ukuba abize abadlali baphambili abangafaki manqaku kwaye abangenayo imvelaphi ebonakalayo yokufaka amanqaku.
Kodwa ngoku lifikile ixesha likaCassius Mailula.
Lomdlali uqaqambileyo weMamelodi Sundowns kudala engundaba mlonyeki kwi PSL ngenxa yendlela awafaka ngayo amanqaku. Kwinyanga nje ezintandathu efikile kwisigaba esiphezulu sebhola ekhatywayo, uMailula ufumene ukungenela ebengumgqatswa wembasa yeGolden Boot kwiPSL emva koko uzifumane ekwiqela leBafana Bafana.
Ngoku ujonge ukuzibonakalisa kwibhola yehlabathi, kwaye mkhulu umthwalo obekwe emagxeni alomdlali uneminyaka engamashumi amabini ananye.
Iqela le Bafana Bafana lilungiselela imidlalo exineneyo elungiselelwe ukuhluza amaqela azakuba yinxalenye yeAfrica Cup of Nations ka 2023, apho izakudlala neLiberia kwaye kukhona iinkolelo zokuba uMailula yindoda ezakunika impendulo yokuqubisana nokunqongophala kwamanqaku kwiqela lika Broos.
Asizukwenza bulungiswa ukuba silindela lukhulu kulomdlali we Masandawana ungekabinalwazi, kodwa ulindeleke ukuba abonakalise idlela aluthatha ngayo uxanduva.
Ekupheleni konyaka kunyaka ophelileyo, wenza umsebenzi oncomekayo ukukhokhela iSundowns ihlasela ngethuba engekho uPeter Shalulile kwaye kwaye wazibonakalisa ngokuba azibone engena kwiqela elizakudlala kwiCAF Champions League.
Ngentlahla kaMailula, uzakudlala umdlalo wakhe wokuqala wehlabathi edlala neqela elingenamfutho mngakanani kwilizwe laseAfrika kwaye oku kwehlisa uxinzelelo emagqxeni akhe.
Ukuvuka kuka Mailula kwibhola ekhatywayo, kunika ithemba kwiqela elikhuku lebhola ekhatywayo.
Umfanekiso ongasentla: NguCassius Mailula
Imvelaphi yomfanekiso: SAFA