Incwadi kaNadia Nakai eya kuAKA!

Kwixeshana nje elingaphezulwana kwenyanga emva kokudutyulwa kwemvumi yomculo weHip Pop uKiernan “AKA” Forbes, ubomi bunzima kakhulu ngaphandle kwakhe kwiqabane lakhe uNadia Nakai.


UNadia ubhenele kwikhasi lakhe likaInstagram apho atyikitye umyalezo omde ochukumisa intliziyo echaza indlela ekunzima ngayo ukuqhubeka nobomi emva kokufumana uthando olungaka kulemvumi njengoko ingasekho. UAKA wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwendawo yokutyela eThekwini ngomhla weshumi kweyoMdumba.


“Ngamanye amaxesha ndibawela ukuba ndibe andizange ndaluva uthando lwakho. Ndirhalela ukuba kuthiwe wawungumntu nje endandisebenza naye ukuze nam ndithi ‘Oh uSupa Mega uswelekile, ilahleko engaka kwezomculo’ kube kuphelile.


“Ngoku kunzima kakhulu kuba undithandile. Ndinomngxuma entliziyweni yam ongavumi kuvaleka.


“Ilizwe alisafani nakuqala. Ndizama ukubambelela kwiinkumbulo zolonwabo endinazo ngaphambi kokuba ndidibane nawe. Okanye ukuba ndingakhumbula ukuba kwakunjani ngaphambili, ndingakwazi ukuphila kanjalo kwakhona,” uqhube wenjenje.


Abazali baka Supa Mega uLynn noTony Forbes, bayaqhubeka nokuxhasa iqabane lonyana wakhe ongasekhoyo.


Ngokwengxelo yephepha ndaba iTimeslive bobabini uLynn noTonny babhenele kumakhasi about ezonxibelelwano bebulela lemvumi yeRap uNadia ngokuqhubeka emthanda kwaye emhlonipha unyana wabo nasemva kokusweleka kwakhe.


“Nadia, ngosuku lokuqala ndidibana nawe ndandisazi ukuba umlungele unyana wam. Jonga nje ulwancumo lwakhe! Ndiyabulela ngokumthanda, naye ebekuthanda ngenene. Siyakuthanda,” ubhalile uTony.

Ukanti noLynn uqhube iculo elifanayo: “Ndizakuhlala ndinetyala kuwe ngendlela othanda nohlonipha ngayo unyana wam kude kube namhlanje. Umbonisile uthando lwenene nentlonipho ukuba yintoni kwaye wamenza wakwazi ukubonakalisa elona cala liqaqambileyo kuye.”

Iqulunqwe nguAnita Dangazele

Umfanekiso ongasentla: Iimvumi zomculo werap uNadia Nakai, kunye neqabane lakhe elingasekhoyo uKiernan “AKA” Forbes.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaInstagram