
Ngu Zukile Majova
Iyaqhuba inkqubo yokumiswa ngxi kwentshukumo zoluntu kuhola wendlela uN2 kweliphondo leMpuma Kapa.
Lenkqubo yokumiswa ngxi kwentshukumo zoluntu kummandla wasemaphandleni kweliphondo leMpuma Kapa iwuvale ngokupheleleyo uhola wendlela uN2 kunye nezinye iindlela zokungena kwidolophu yaKwaBhaca phantsi komasipala uMzimvubu.
Lenkqubo ikhokhelwe ngumbutho wezithuthi zikawonke wonke Uncedo Taxi Association iphenjelelwe kukohluleka kukarhulumente wephondo ukubhatala amawaka abanikazi bezithuthi ezithutha abantwana besikolo.
Kwizikolo zasemaphandleni, ngamanye amaxesha ufumanisa isikolo esinye sihlinzeka iilali ezifikelele kwishumi kwaye abafundi kunyanzelekile bethuthiwe ngezizithuthi usuku nosuku besiya esikolweni.
Ngaphambi kokumiliselwa kwenkqubo yokuthutnwa kwabantwana, abafundi babenyanzeleka bahambe amabanga amade kakhulu ngeenyawo besiya esikolweni, kwaye bengenayo nento yokutya kodwa bayofikelela esikolweni.
Oku kwakubeka abafundi abaninzi kumngcipheko wokuhlaselwa, bakhuthuzwe okanye badlwengulwe ingakumbi ngexesha lasebusika apho babehamba kusemnyama ukuya esikolweni.
Abaqhubi beetaxi bamise izithuthi zabo kwezona ziphambuka zingundoqo besenzela ukuba banzinyelwe abaqhubi ukusebenzisa ezinye iindlela ukufikelela ezidolophini.
Uhola wendlela uN2 kwilizwe loMzantsi Afrika yenye yeendlela ezibaluleke kakhulu edibanisa iziza zophuhliso lwamashishini, imizimveliso, amazibuko aselwandle, idolophu ezinkulu ezifana neKapa, I Gqeberha kunye naseThekwini.
Umasipala wasekuhlaleni uMzimvubu ukhuphe isilumkiso kubaqhubi abahamba ngohola wendlela uN2 phakathi kwedolophu yakwaBhaca naseMaxesibeni.
“Uqhankqalalo lwezothutho lwenze kubenzima ukungena nokuphuma kwezidolophu zimbini.”
Eziziphambuka zilandelayo zivaliwe:
KwaBhaca:
- Isiphambuka saseOsborne
- ITotal Garage
- Isiphambuka saseMagaqa
- Isiphambuka saseMtsane
EmaXesibeni: - Isiphambuka sasePhuti
- Isiphambuka saseNtsizwa
- Isiphambuka saseMsukeni
- Isiphambuka sasePakade
- Isiphambuka saseSigidini
- IEngen Garage
Amagosa ezomthetho athe bhazalala kwindawo zewhayelo ebeke iliso kwimeko eqhubayo.
Umfanekiso ongasentla: Izithuthi zivale uhola wendlela uN2 kweliphondo leMpuma Kapa