
Ngu Zukile Majova
Umongameli welizwe laseRussia, uVladimir Putin, endaweni yokubanjwa angasuke afumane ulwamkelo lonyana wolahleko ombathiswe iingubo zikanokutsho kwilizwe loMzantsi Afrika.
UPutin ulindeleke ukuba atyelele eli ngethuba uMongameli uCyril Ramaphosa ezakube esingethe iinkokheli zamazwe afana neBrazil, iRussia, India kunye neChina kwindibano yeshumi elinesihlanu yeBrics ngenyanga yeThupha.
Inkundla yolwaphulo mthetho yehlabathi eHague ikhuphe isigunyaziso sokubanjwa kwakhe ngokukhokhela kukuthunjwa kwabantwana baseUkrain. Lenkundla yolwaphulo mthetho yehlabathi iICC, ilindele ukuba urhulumente kaRamaphosa abambe lenkokheli yaseRussia ukufika kwayo eMzantsi Afrika.
Noxa kunjalo uSomlomo wepalamente uNosiviwe Maphisa-Nqakula ubonakalise ngokucacileyo okwangoku ukuba urhulumente weANC awuzuyibamba lenkokheli yaseRussia usebenzisana nayo.
“Ngawona maxesha obunzima ngelixa iAfrika yayilawulwa ngurhulumente wengcinezelo, kwaye ndifuna ukubalula ukuba kwimeko yoMzantsi Afrika, ngelixa sasisilwa ingcinezelo, ilizwe laseRussia laliphakathi kwamazwe (awayesixhasa).
“Kwaye yayikhona ngesiqu,kunye nemvakalelo nangentsebenzo kwaye yanika inkxaso enkulu kubafundi bemibutho yomzabalazo abasuka kwingingqi yethu ukuba bakwazi ukufunda eRussia,” utshilo uMapisa-Nqakula.
Uthe akukabikho mkhombandlela kurhulumente kaRamaphosa wokuba intsebenziswano yeli nelizwe laseRussia izakutshintsha ngoku, kuba uPutin efunwa malunga namatyala ehlabathi enxulumene nempi.
“Ilizwe loMzantsi Afrika liyaqhuba ukonwabela intsebenziswano yozakuzo nelizwe laseRussia. Ukuba uMzantsi Afrika uzakusingatha intlanganiso yeBrics, ndilindele ukuba iintloko zamazwe ayinxalenye yeBrics zibe seMzantsi Afrika,” uxelele iqonga lendaba iNewzroom Afrika.
Ngaphandle koku, uPutin ngokufanayo noRobert Mugabe uMongameli ongasekhoyo waseZimbabwe, uzakuhlala eyintandane kumehlo abemi abaninzi belizwe loMzantsi Afrika. Oku kunjalo ngaphandle kwendlela ezigwenxa zokuqubisana namalungelo oluntu kulamadoda mabini.
Unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula uthe urhulumente uyithathela ingqalelo imeko kaPutin.
Kwixa elidlulileyo uRamaphosa wabhengeza ukuba uMzantsi Afrika ungathanda ukuba yinxalenye kwiinzame zokusombulula ngeengxoxo imbambano ephakathi kwelizwe laseRussia neUkrain.
“Ukungakhethi cala kungaba yingozi kodwa ngethamsanqa asisodwanga kuko konke oku, maninzi amanye amazwe akhethe lendlela.
“Eyona nto iyinzuzo kukuba singakwazi ukuthetha nawo omabini amacala”