
Ngu Buziwe Nocuze
Kwaphela iminyaka emithandathu engakwazi ukuphila ngaphandle kwesiyobisi icrystal meth uAbongile Tutshana, owayesele ephila ubomi bolwaphulo mthetho kwaye wayesele eneengcinga zokuzigqithisa amafu, kodwa wakhululwa kukuphulaphula unomathotho ekhayeni lakhe.
Weva ntengiso kwisikhululo sikamomathotholo sasekuhlaleni sifuna abantu abazakufaka izicelo kwisikolo sokufundela ukuba ngabalinganiswa. Uthi eli, laba lithuba elatshintsha ubomi bakhe kwaphela.
Yayingunyaka ka2021,sele kuphele iminyaka emithandathu emva kokuba umhlobo wakhe wamazisa kwisiyobisi icrystal meth ngonyaka ka2015.
Kuleminyaka idlulileyo ukuxhomekeka kwakhe kwesisiyobisi kwamenza ukuba abesemngciphekweni wokuzibulala. Kwangonyaka wokuqala emva kokuba eqale ukusebenzisa esisiyobisi wazama ukuzibulala. Ngethamsanqa umhlobo wakhe wafika kwangethuba wamnqanda ukuba angazibulali.
“Umhlobo wam zange wandinyanzelisa ukuba ndisebenzise iziyobisi kodwa nguye owandazisa zona. Ndiyalwamkela lonke uxanduva ngezenzo zam, kuba ekugqibeleni ndim owazikhethelayo,” utshilo.
Emva koko uAbongile wajika wathengisa iziyobisi ukuze akwazi ukonelisa ukuxhomekeka kwakhe kwiziyobisi. Kungekudala emva koko – ngokufanayo naye nabanina umntu oxhomekeke kwiziyobisi – waqalisa ubusela.
Nosapho lwakhe imbala aluzange lusinde kubusela bakhe. Umama wakhe uKhuliswa Mfisi uthe uyabulela kuba intombi yakhe ayisasebenzisi ziyobisi.
“Ndandihlala ndikhathazeke kakhulu ngaye, wayesoloko ethengisa ngenkani iminxeba yabantwana kuba efuna ukufumana imali yokonelisa ukunqanqatheka kwakhe,” utshilo lomama.
Zonke iinzame zokuphucula ubomi bukaAbongile bubengcono zaphanza – kwade kwabe kifikela kunyaka ka2021 ngethuba efikelwa yintshisakalo awayengayazi ukuba unayo ebomini bakhe.
“Ndathumela idemo yam kwaye emva kweveki ezintathu ndayifumana indawo, wongezile iTutshana.
Ngethuba esalindele impendulo, waqonda ukuba akanokwazi ukuqhubeka esebenzisa iziyobisi ukuba ufuna ukuthathelwa ingqalelo. Oku kwamnceda wakwazi ukuqubisana nemeko aziqhelise yona.
“Zange ndiye erehab, kodwa ndazibophelela ukuba ndizakubutshintsha ubomi bam. Ndaqalisa ndacoca iyadi zonke iintsuku ekuseni kude kube semalanga, njengendlela yokuzigcina kukhona into endiyenzayo kuba ndisilwa nokunqanqatheka.
Kwamthatha iinyanga ezine ukuba ayeke ukutshaya iziyobisi – kwaye zange waphinda wabuyela ngasemva.
Kungoku nje uAbongile usebenza kwisikhululo sikanomathotholo kwiphondo iMpuma Kapa, ufunda iindaba.
Umfanekiso ongasentla: UAbongile Tutshana owayephila exhomekeke kwiziyobisi wade wabe uhlangulwa yintenhiso kanomathotholo.
Imvelapni yomfanekiso: Uthunyelwe