Umongikazi onekratshi ungcungcuthekisa izigulane

Ngu Buziwe Nocuze

Bashiyeke besoyika kwaye bedinga abaguli kwiziko lempilo iDr Ivan Toms Clinic eMfuleni eKapa, emva kokuxelelwa ngumongikazi ukuba mabahambe xa bengoneliseki zinkonzo zakhe.


UKhanyisile Maqulwana oneminyaka engamashumi amathathu anethoba ufike kweliziko ngentsimbi yesixhenxe kusasa enethemba lokuncedwa ngaphambi kwentsimbi yeshumi kusasa, kodwa ngecala emva kwentsimbi yesibini ngenjika langa, ebesalindele ukufumana uncedo.


Yena nabanye ebebeze kweliziko bathe xa bebuza lomongikazi ukuba bazaku lufumana kusini na uncedo ngolusuku, batyhola ngelithi ubaxelele ukuba mababhale incwadi yesikhalazo bayise kumphathi wakhe okanye baye kwelinye iziko.


“Ndivuke kwakusasa ndilungiselela ukuba ndibengomnye wabantu abazakuncedwa,” utshilo uMaqulwana.

Samsung Galaxy 14G


UNokhwezi Futhuse oneminyaka engamashumi amane uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ngendlela ebekrwada ngayo lo mongikazi kubo, kwaye umfanise lo mongikazi njengo mntu oya emsebenzini ngokuyokuthatha umvuzo wakhe kuphela hayi ukunceda abantu abagulayo. 

“Indlela asiphathe ngayo iyasibonakalisela ukuba uyele imali,  uthando akanalo ngomsebenzi wakhe,” utshilo.


“Singaya njani kwamanye amaziko empilo sinalo elikufutshane nathi? Isebe lezempilo kufuneka liyijonge kabanzi lento. Ngumsebenzi wabo kwaye xa bethatha isifungo, bayayazi into abazifaka kuyo.”


Omnye wabantu ebebekweliziko, uSiphiwo Mqikela oneminyaka engamashumi amane anesibhozo uthe ubeye kweliziko eyolanda amayeza akhe.


“Ndifike kweliziko ngentsimbi yethoba kusasa kodwa kubethe intsimbi yesibini ngenjikalanga ndingekancedwa. Kusemva kokuba simbuzile lomongikazi apho asixelele ukuba masiye kwamanye amaziko empilo ukuba asoneliseki yinkonzo yakhe,” utshilo Umqikela.


UPatricia van der Roos wesebe lezempilo uthe ngenxa yobuninzi babantu abadinga uncedo, amaziko empilo angahlangabezana nobunzima ukunceda bonke abantu abaze kwiziko elo nangaluphi na usuku.


“Xa kusenzeka oku, amaziko empilo asebenzisa inkqubo ebeka phambili abantu abanemeko ezingxamisekileyo. Abanye abantu banikwa umyalelo wokuba babuye ngosuku olulandelayo ukuze bafumane uncedo,” utshilo.


Umanejala weziko elo wazisa umsebenzi oyintloko yecandelo lePersonal Primary Healthcare, ophicotha ukusebenza kwabongikazi nabanye abasebenzi kunye nokuthunyelwa kwabo kumaziko ohlukeneyo ukuze abone ukuba abasebenzi bangasiwa njani kwamanye amaziko ukuze kunciphe inani labantu abadinga iinkonzo.

Umfanekiso ongasentla: Iziko lempilo iDr Ivan Toms Clinic eMfuleni, eKapa.

Imvelaphi yomfaneksio: NguBuziwe Nocuze