Iziko elitsha lokuphehla umbane lakwaEskom liyasilela kwimveliso yombane

Ngu Zukile Majova
Umhleli Wezopolitiko



Elona ziko litsha lokuphehla umbane kwilizwe loMzantsi Afrika iKusile Power Station, livelisa umbane olinganiselwa kumyinge ka19% kuphela – kwaye kulindeleke ukuba oku kuqhube de kube yinyanga yoMnga.

Umphathiswa wombane uKgosientsho Ramokgopa uxelelwe oku ngethuba etyelele eliziko lizinze eWitbank ngoLwesibini ukuba imveliso yombane eyongezelelweyo ilindeleke ekupheleni konyaka. 

Kwiziko iKusile kutyalwe imali efikelele kuR166 billion eyayilungiselelwe ukuba ivelise umbane olinganiselwa ku4,800 Megawatts. Eli candelo lesine lokuvelisa umbane kweliziko lavulwa ngenyanga kaCanzibe ngonyaka ka2022, kwaze ngenyanga yeSilimela kwangalonyaka mnye uEskom wabhengeza ukuba eliziko lizokwakhiwa ngokupheleleyo ngonyaka ka2024. 

URamokgopa uthe amanye amacandelo amane azakuqalisa ukusebenza ngeyoMnga ngelixa elinye lilindeleke ukuba lisebenze ngenyanga yoMdumba. 

Samsung Galaxy 14G

Lo kaRamokgopa ubetyelele amazing iKriel neDuvha Power Stations ngoMvulo, zewatyelela iKusile neKendal ngoLwesibini.

“Ukuba singafumana ubusika obungabandi kakhulu kwaye siqhubeke ukubona ukuphucuka okukhoyo kwimveliso yombane, andiqondi ukuba sizakufikelela kwizigaba ezingaphezu kwezi bezihleli zikhona.”

URamokgopa ohleli kwisikhundla esilingana nomanejala wemisebenzi olungiselelwe ukumilisela izicwangcwiso zika Cyril Ramaphosa zeNational Energy Plan, uthembise ukuba uzakuthetha ngazo zonke iingxaki ezikhoyo kwaEskom. 

Uthe ukusebenza ngokupheleleyo kwamacandelo okuvelisa umbane kwiziko iKusile kubalulekile njengenxalenye yesisombululo kumceli mngeni kacimi-cimi wombane kwilizwe loMzantsi Afrika.

“Uninzi lweengxaki zethu zika cimi-cimi wombane zizakusombululeka ngokuhambelana nendlela esisombulula ngayo iingxaki zeziko iKusile,” utshilo uRamokgopa.

“Ngoku lisebenza ngokwendlela ebangela livelise umyinge ka19% wombane kwaye licandelo elinye kuphela eli, icandelo lesine kumacandelo amathandathu akhoyo apha.”

“Siqinisekile ukuba amacandelo amane azakube esebenza ekupheleni konyaka kwaye elinye lizakusebenza ngeyoMdumba.”

URamaphosa unike uRamokgopa iindawo ezintlanu azakuzinika ingqwalasela:

– Ukulungisa uEskom kunye nokuphucula unikezelo lombane 

– Ukuqinisekisa nokukhawuleziswa kotyalo Mali kwimveliso zombane zabucala

– Ukukhawulezisa intengo zombane ohlaziyekayo, oveliswa ngerhasi kunye nogcino lombane kusetyenziswa iibhetri.

– Ukusungula inkqubo evumela amashishini kunye namakhaya atyale imali kufakelo lwesolar

– Utshintsho olumandla kwicandelo lemveliso yombane oluzakwenza ukuba likwazi ukuqinisekisa unikezelo lombane oluzinzileyo noluqinisekisiweyo ixesha elide.

Okwangoku uEskom uthe inkqubo yokucinywa kombane izakuhlala ibhangisiwe de kube yintsimbi yesihlanu ngentseni yangoLwesithathu ngenxa yokuphucuka kwemveliso yombane kunye nokuncipha kokudingeka kombane.

“Isigaba sesibini sokucinywa kombane sizakuthi similiselwe  ngoLwesithathu. Isigaba sesithathu sika cimi-cimi wombane sizakumiliselwa ngentsimbi yesine ngenjikalanga yangoLwesithathu kude kube ngentsimbi yesihlanu ngentseni yangoLwesine,” itshilo imbalelwano ekhutshwe leliziko.

Umfanekiso ongasentla: Iziko lokuphehla umbane iKusile 

Imvelaphi yomfaneksio: Eskom