
Ngu Lungi Langa
Umdlalo onobungozi obudlalwa ngabantwana kwisikolo saseChatsworth KwaZulu-Natal, ubangele ukuba inqununu yesisikolo ibekwe utyala lokubetha.
Le nqununu ityholwa ngokubetha umfundi oneminyaka elishumi elinesithathu owenza ibanga lesihlanu, ohlala eWelbedacht West ngombhobho ngoLwesine kwiveki ephelileyo.
Umama womfundi uNokuthula Mlambo uthe intombi yakhe inikwe isohlwayo esiqatha esikolweni ngokudlala umdlalo oquka ukuvala umlomo nempumlo yomnye umfundi.
UMlambo uthi intombi yakhe ibethwe ngombhobho.
“Undixelele ukuba inqununu icele omnye wotitshala ukuba amlande kwigumbi lakhe lokufunda. Emva koko umcele ukuba ambonise ukuba bebedlala kanjani nabanye abafundi. Lo mfundi uchazile kodwa inqununu yaqhubeka imbetha ngombhobho umzimba wakhe wonke.”
“Umbethe ngexesha kanye ecela uxolo emcenga ukuba ayeke ukumbetha. Uqhubekile wambetha wade wabe uyabaleka,” utshilo lomama.
Uthe intombi yakhe inemikrwelo ezingalweni zayo kwaye ngasemva intloko yakhe idumbile.
“Yathi yakuwubona lomdlalo enye yetitshala, abantwana bangxoliswa kwaye bohlwaywa ngokufanelekileyo ngosuku lwesiganeko. Umntwana wam wabuya esikolweni wandixelela oku,” utshilo uMlambo.
UMlambo uthi waya esikolweni eyothetha nenqununu kwangolusuku kodwa wafumanisa ukuba wayengekho eye entlanganisweni.
Noxa kunjalo, ukhathazekile ngokhuseleko lwentombi yakhe esikolweni ukuba inqununu ibuyile njengoko sebeyixelile lemeko emapoliseni.
UMlambo uthi le nqununu ayikwazi kwaphela kubo ukuzoxolisa. Uthe unethemba lokuba umthetho uzakuthathelwa ingqalelo ngesisiganeko njengoko esithi amalungelo omntwana wakhe anyashwe ngumntu abamthemba ngokuba amkhusele xa esesikolweni.
Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo laKwaZulu-Natal uMuzi Mahlambi uthe isebe linalo ulwazi ngesisiganeko kwaye amanyathelo afanelekileyo azakuphehlelelwa.
“NgoLwesihlanu siyivile ingxelo kumanejala wesekethe. Sizakuthatha amanyathelo oluleko ngakwinqununu,” utshilo uMahlambi.
Isithethi samapolisa eKZN uConstable Thenjiswa Ngcobo uqinisekisile ukuba amapolisa aphanda ityala lokubetha emva kwesisiganeko.
Umfanekiso ongasentla: USinamile Mlambo obethiweyo emva kokudlala nabanye abantwana usele exhwalekile emva kwesiseganeko
Imvelaphi yomfaneksio: Uthunyelwe