
Ngu Linda Ximba
UThandolwethu Mathiba ube ngowasetyhini wokuqala oyimbethi manqindi yelizwe loMzantsi Afrika ukuphumelela umlo kwimidlalo yeIBA Women’s World Championships.
Ubethe Imbethi manqindi yaseSwatini uVeliswa Magaga kwaye uzakudlulela kumjikelo olandelayo.
Lembethi manqindi yephondo laKwaZulu-Natal ibiyongamele ngokumandla kulomdlalo yabangela ukuba le yaseSwatini ikhangeleke ingena mtsalane.
UMathiba obedlala kwicandelo labo banobunzima be50kg, uphumelele lomdlalo ngamanqaku amahlanu eqandeni emva koko indlela yakhe ibelula ukusukela kumjikelo wokuqala ukuyotsho kumjikelo wabalishumi elinesithandathu ngenxa yesakhono sakhe esiye sabalasela.
Uthe eyonanto imkhuthaze nangakumbi ukuba aqhube kakuhle kumdlalo wakhe kukuba oogxa bakhe uPhiwokuhle “Ben 10” Mnguni no Lethokuhle Sibisi khange benze kakuhle kwimidlalo yabo bade bakhutshelwa ngaphandle kolukhuphiswano.
“Bendisazi ukuba kufanele ndisebenze nzima ukuphakamisa uMzantsi Afrika emva kokuba oodade wethu bengakhange bakwazi,” utshilo uMathiba eseNew Delhi eIndia.
“Bebendixhasa ngalo lonke ixesha kwaye ndibulela uThixo ngayo zonke izinto zihambe kakuhle. Ngoku ndijonge ukuba ndenze ngcono kumjikelo wesibini kwazi bani ndingakwazi ukufikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi.”
Lo ngumdlalo wokuqala kaMathiba kolukhuphiswano kwaye ngaphambi kwalomdlalo uthe, ujonge ukufumana ulwazi oluphangaleleyo lwemidlalo yehlabathi njengoko ejonge kwimidlalo yeOlimpiki yonyaka ka2024 ezakubanjelwa eParis.
Ngaphambi kwempumelelo kaMathiba imvakalelo ibiphantsi kwinkampu yoMzantsi Afrika njengoko uMnguni elwe ngako konke anako kodwa ekugqibeleni wabethwa kumdlalo wakhe no Thahn Yaho waseVietnam ngesigqibo esenziwe ngomzuzwana.
USibisi obedlala okwesibini kolukhuphiswano lweentshatsheli naye ubonakalise umfutho omandla kumdlalo wakhe kodwa wabethwa ngamanqaku njengoko ubesilwa no Rahimova Zynab waseAzarbaijan.
Umfanekiso ongasentla: NguThandolwethu Mathiba
Imvelaphi yomfaneksio: Uthunyelwe