
Ngu Everson Luhanga
Umbutho weEFF wohlulekile ukonyusa umgangatho womngcelele olujongwe ngamehlo abomvu kulo lonke eli.
Unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula, indoda engaswelanga mazwi ubhale kwikhasi lakhe likaTwitter esona sigwebo asinika lomngcelele esithi: “ihlazo lomngcelele.”
Iqaqobana labantu libonakele licula libhiyozela iingoma zomzabalazo.
Kodwa eyona nto icace gcaa kukuba abantu khange babonakalise mdla kulomngcelele. Uninzi lwabo balushiye enyanyeni, bakhetha ukuhlala emakhayeni abo kunokuba babeyinxalenye yawo.
Ngaphandle kokuba amashishini evale iingcango zawo kwimimandla eliqela kweli njengoko ibisisilumkiso, bekungekho mngcipheko kumashishini, okanye kubomi babemi beli kuba amapolisa namaqumrhu okhuseleko abucala ebengxangile ejonge nabani na okrokrelekayo.
Ukuba sikhona isifundo esinokufundwa kulomngcelele we EFF kukuba eli alinayo ingxaki yokunqongophala kwamapolisa okanye izixhobo zokusebenza. Kuphela nje uMzantsi Afrika unengxaki yokuba kwenziwa izinto ngokwezopolitiko, kusetyenziswa izenzo zangaphakathi kumbuso ukulwa nenkqubela phambili kunye nokusetyenziswa kwendlela ezizakubangela ukuba amaqumrhu karhulumente enziwe abe ngawabucala.
Oku kubonakala ngokuba kwezintsuku zisixhenxe zidlulileyo, inkqubo yokucinywa kombane incitshiswe isuka kwisigaba sesithandathu yayakwi sigaba sokuqala okanye ibhangiswe kwaphela kwezinye iintsuku, nalapho kungakhange imiliselwe kwaphela inkqubo yokucinywa kombane ngeCawa.
Inkonzo yesipolisa ithumele amagosa abesenza ugqogqo ngeenyawo abesebenzisa iinqwelo moya. Urhulumente wongeze umkhosi wokhuselo weli ukuba uncede ukuqinisekisa ucwangco nokugcinwa komthetho.
Ilizwe kunye nabemi balo, bazive bekhuselekile – leyo ibeyimvakalelo yoninzi lwabantu besithi bagqibela kudala ukuziva bekhuselekile.
Uninzi lwabemi beli luthi ukusilelela kukarhulumente ukunikezela ngeenkonzo sisenzo ezingenakubekwa emagxeni omntu omnye ofana noMongameli uCyril Ramaphosa. Esi sisenzo sokwahluleka korhulumente wombutho olawulayo iANC olahlele kude abavoti bawo obathembise ngezithembiso ongazifezekisiyo.
Ngentseni yangoMvulo isithethi samapolisa kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe uthe amapolisa abambe abantu abangamashumi asibhozo anesixhenxe kulo lonke eli, ngamatyala anxulumene nodushe lwasesidlangalaleni kunye namatyala okudelela.
UMathe uthe abangamashumi amane ananye babanjwe kwiphondo laseRhawutini, abangamashumi amabini anethoba babanjwa eMntla Ntshona ngelixa abalishumi elinesihlanu bebanjwe eFree State. Ukanti bakhona nabanye ababanjwe kumaphondo aquka iMpumalanga kunye neMpuma Kapa.
UVincent Ndima oyenye yeenkokheli zaseAlexandra, obekhokhele abahlali baseAlex abebesebenzisana namagosa omthetho ukuqinisekisa ukuba uqhankqalazo luba loluzolileyo, uthe uziva enelunda yindlela amapolisa abeluphethe ngayo oluqhankqakazo.
“Amagosa athathe amanyathelo akhawulezayo xabebona umntu owenza into ekrokrisayo okanye engahambiselaniyo nomthetho,” utshilo.
Akukho zindlela ebezivaliwe kwindawo ezininzi kweli, oohola bendlela bebepholile iimoto zizihambela ngokukhululekileyo njengesiqhelo.
Imifanekiso kunye nemiboniso eshicilelweyo ebithe ndii kumakhasi ezonxibelelwano ibibonakalisa usuku oluqhelekileyo eMzantsi Afrika.
Amapolisa apapashe imifanekiso ethathelwe kwinqwelo moya ebonakalisa ucwangco nokuthuleka kwiindlela zeli nasekuhlaleni.
Abantu bebebonakala kolushicilelo beqhubeka nempilo zabo njengesiqhelo.
Kodwa inkokheli yeEFF uJulius malema uthe xa ethetha nabalandeli bakhe ePitoli: “Lo ngowona mngcelele ube yimpumelelo kwimbali yomzabalazo eMzantsi Afrika.
“Namhlanje siyayibhangisa inkqubo yokucinywa kombane kuba imizi mveliso eyeyona esebenzisa umbane kakhulu ivaliwe, udederhu lweevenkile luvaliwe kwaye nezikolo zivaliwe.
“Bekungekho nditsho iloli okanye uloliwe omnye endleleni. Namhlanje ilizwe loMzantsi Afrika lime ngxi,” Utshilo uMalema kubalandeli bakhe ebebemqhwabela izindla kwindibano ibibanjelwe eChurch Square eTshwane.
Ukanti ilizwe lonke lomzantsi afrika belipholile, lilungiselela ukubhiyozela usuku lwamalungelo oluntu ngokuthula okukhulu ngoLwesibini.