
Ngu Bathandwa Ndlangisa
Iqonga likamabonakude uMzantsi Magic 191 lizakube lisasaza umdlalo wokuqala wolwimi lwesiNdebe eMzantsi Afrika, umdlalo othi Komkhulu.
Lo mboniso ubonakalisa izinto ezinzulu malunga nokuphazamiseka kwenzame zokumilisela uzinzo kubukumkani ingakumbi ngexesha lotshintsho, nalapho oku kuzakubangela ukuba kuvele isizukulwana esitsha esizakude sifikelele kwinqanaba lokuba bobona bukhosi butyebileyo kwiphondo liphela.
UShirley Adonisi ongumlawuli wecandelo leqonga lolonwabo kuM-Net uthe, ukuvelisa iinkqubo ezininzi ezinolwazi olubonakalisa ukwahlukana kwenkcubeko yebemi beli kunye nezimvo zabo ezohlukileyo yeyona nto inphambili kwinkampani yakwaMultichoice.
Abadlali abaphambili abangosaziwayo kulomboniso baquka uMandla Mnguni, uSipho Mbhele, uBongani Mchunu ( odlala indawo kaJama), uBongi Mtsweni (onguSayina), uJames Sithole, uJabulani (Karisa) kunye noNqobile Khumalo (Mantfombi), kulindeleke ukuba iqalise ngomhla wethoba kwekaTshazimpuzi.
UNdumiso Mahlangu okwicandelo lezolonwabo uliqhwabele izandla eliqonga ngokuvumela iilwimi ezincinane ukuba zikwazi ukubhiyozelwa ngokubaliswa kwamabali.
“Iqonga leDStv liyafuna ukuqhwatyelwa izandla ngokuvelisa iqonga apho amaphondo kunye neelwimi ezifana nesiNdebele zizokwazi ukubonakalisa inkcubeko namasiko azo kwiqonga leendaba ngemiboniso yamabali,” utshilo uMahlangu.
“Oku kubonakalisa ngendlela ezininzi ukuba amaphupha kunye neelwimi zabahlali baseMpumalanga, ingakumbi abo bakwicandelo lolonwabo abalulekile.”
Ingcali kwezelwiimi uSara Mhlongo ozinze eNelspruit umemelela abanye abathathi nxaxheba kwicandelo leendaba nenkcubeko ukuba balandele ezinyaweni zoMzantsi Magic ukubhiyozela iilwimi zemveli zaseAfrika.
“Ndiyathemba ukuba inkqubo ethi Komkhulu ayizuba yinkqubo ekukuphela kwayo iphelele apho, kodwa izakuvulela nezinye iinkqubo zesiNdebele. Ndinethemba lokuba nabanye abathathi nxaxheba kwezendaba, urhulumente kunye nabavelisi bezobugcisa bazakulandela ekhondweni, UMzantsi Magic uqalile ukuthengisa amasiko ephondo lethu kunye neeliwimi zalo,” utshilo uMhlongo.
Ufanekiso ongasentla: Abalinganiswa bomboniso othi Komkhulu
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.