
Ngu Karabo Rammutla
Ngentseni yangoMvulo eqhelekileyo, iranki yezithuthi zaseDonneboom eMamelodi idla ngokuba ibe iyinkungu nelanga ngabantu abaphithizelayo.
Le ranki ngumbindi wezothutho eMamelodi kwaye izinze kufuphi nesikhululo sika loliwe saseDenneboom.
Kodwa namhlanje, abaqhubi bezithuthi zika wonke wonke badlala amakhasi; kwaye abanye batya amagwinya kunye nabathengisi bawo ngelixa abanye belele ngaphakathi kwizithuthi zabo.
Oku kukhangeleka kuyinto eyenzeka kulo lonke eli. Ukusukela kwi ranki yetaxi iBosman ePitoli ukuya kwiranki yaseBree Street eJohannesburg, namhlanje lusuku apho yonke into ihamba kancinci.
Kwiveki ephelileyo iqumrhu lezithuthi zika wonke wonke iSouth African National Taxi Council ibhengeze ukuba namhlanje kuzakuba lusuku loshishino njengesiqhelo kwezothutho kulo lonke eli, kwaye abazuzibandakanya nomngcelele ka zwelonke.
Kodwa namhlanje abaqhubi betaxi baziva ngathi, ngebekhethe ukuhlala emakhaya.
Umqhubi wetaxi uSonnyboy Mabena uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ufike erenkini ngentsimbi yesine kusasa, kwaye bekungekho nomnye umkhweli.
“Ngosuku oluqhelekileyo, lixesha abaqalisa ngalo abakhweli ukufika, kodwa namhlnje abakhweli abambalwa bafike emva kwentsimbi yesithandathu. Ndifike ndalala umzuzwana kwisithuthi sam, ndothuka kungekabikho bantu bakhwelayo ndaphinda ndalala kwakhona,” utshilo.
Uthe abaqhubi namhlanje bachithe nje ixesha labo.
“Ibe yinkcitha xesha. Ngendilale ebhedini yam ndikhululekile. Ngoku kufuneka sibonakalise uvelwano kubakhweli abambalwa sibase kwindawo abaya kuzo ngezithuthi ezingagcwelanga.”
Umthengisi kuleranki uGirly Sibanda uthe namhlanje uzakwenza ilahleko.
“Ngentsimbi yesithandathu kusasa ndidla ngokuba sendithengise i20l yonke yamagwinya. Ngoku yintsimbi yethoba, kodwa andikathengisi nehafu yayo.”
Umfanekiso ongasentla: Iiranki zeetaxi kunye nezikhululo zika loliwe azinabantu kuba uninzi lwabakhweli luhleli emakhaya
Imvelaphi yomfanekiso: NguKarabo Rammutla