Amalungu entengiso zotywala eKapa anyanzelisa ubulungisa kwinkundla yasePhilippi

Ngu Buziwe Nocuze

Kwiveki ephelileyo amalungu equmrhu labathengisi botywala kwiphondo leMpuma Kapa, iWestern Cape Liquor Traders Organisation bathe badibana ngaphandle kwenkundla yasePhilippi beqhankqalazela ukuphathwa gadalala kwamalungu abo kulenkundla. 

Unobhala weliqumrhu uThulani Pike uvakalise ukukhathazeka kwakhe yimpatho abayifumana kulenkundla, esithi abathengisi botywala baphathwa ngathi ngabophuli mthetho. 

“Sikhathele kukuxhatshazwa yinkundla yasePhilippi. Ukuba uthengisa utywala, bakufumanisa unetyala bengakhange bakunike ithuba lokuzikhusela.”

Uninzi lwabathengisi abanazo iimpepha mvume, utshilo, kwaye xabefika enkundleni babekwa ityala lokushishina ngaphandle kwempepha mvume, kwaye abanikwa ithuba lokuba ityala labo liviwe ngokungenamkhethe. Ubanga ngelithi abaziswa ngamalungelo abo ngokomgaqo siseko okanye baziswe ngeziphumo zokufunyaniswa benetyala. 

“Banyanzelisa amalungu ethu ukuba atyikitye amaphepha okuba bavuma ityala, bengakhange baxelelwe ukuba emva kokutyikitya, bazakwaziwa njengabophuli mthetho,” utshilo uPike. 

Eliqumrhu linyanzelisa ukususwa kukamantyi, kwanokuba kuphicothwe onke amatyala anento yokwenza notywala aziswe ngaphambi kwale nkundla.  

UPike ubanga ngelithi xa abathengisi botywala bevela kulenkundla ityeli lesibini, kufuneka baye eziseleni zasePollsmoor ngetyala elikumgangatho wokuqala wolwaphulo mthetho. Eliqumrhu limemelela ukuba ubhangiswe lomyalelo “batyhola ngokuba awukho mthethweni kwaye ungahambisaniyo nomgaqo siseko weli”.

Uthe amanye amalungu eliqumrhu adla ngokubanjwa esendleleni egodukayo, ephethe utywala. 

“Sinyanzelisa ukuba baphathe abantu bethu abamnyama ngentlonipho kunye nesidima esibafaneleyo, njengoko kubhaliwe nakumgaqo siseko. Sonke siyalingana ngaphambi komthetho.”

Eliqumrhu linike lenkundla iintsuku ezisixhenxe ukuba iphendule kwizikhalazo zalo, okanye bazakuzibuyela bezufuna impendulo ngokwabo. Ukanti linyanzelisa intlanganiso ekawulezayo kunye nesebe elibandakanyekayo kwintsuku ezilishumi elinesine. 

Omnye umthengisi obeyinxalenye yoluqhankqalazo uvakalise umothuko yindlela abathengisi botywala abasoloko bebekwe elisweni ngayo, ngelixa oonqevu abophula umthetho bezenzela unothanda eKapa.

“Sineengxaki ezibaluleke kakhulu eNtshona Kapa, kunokuba kulandelelwe abathengisi botywala abazama ukubeka isonka etafileni besondla iintsapho zabo.

“Kufanele basebenzise lamandla bawasebenzisa ukusibopha okanye ukuthimba utywala bethu, babophe oonqevu abophula umthetho babiza imali yokhuseleko kubahlali abazihluphekelayo.”

Umanejala wenkundla yasePhilippi uVuyo Dyani uthe, amanye amatyala kunyanzeleke ukuba makarhoxiswe ngenxa yoqhankqalazo, kodwa bazaku beka usuku lwentlanganiso nabathengisi botywala kwiveki ezayo. 

Umfanekiso ongasentla: Amalungu eWestern Cape Liquor Traders eqhankqalaza ngaphandle kwenkundla yasePhilippi, benyanzelisa ukususwa kukamantyi ngokukhawuleza nokuba kujongwe kwakhona amatyalo anxulumente noshishino ngotywala. 

Imvelaphi: NguBuziwe Nocuze