UMalema uyazingca ngempumelelo yokumiswa kwentshukumo zoluntu 

Ngu Zukile Majova

Inkokheli yombutho weEconomic Freedom Fighters uJulius Malema uyazingca ngempumelelo yenkqubo yokumiswa ngxi kweentshukumo zoluntu, nangona ibikhangeleka ngathi yintlekisa.  

Ethetha namawaka abalandeli beEFF kwindawo engundoqo yoluqhankqalazo eChurch Square eTshwane uMalema uthe, eli liphulo lokumiswa kwentshukumo zoluntu elibe yimpumelelo ngokumandla xa kuthelekiswa namanye amaphulo angaphambile.  

“Eli liphulo lokumisa ngxi intshukumo zoluntu elibeyimpumelelo kwimbali ,” utshilo uJuju.  

Kodwa enyanisweni, iphulo lokuvala kwelizwe lombutho weEFF khange likwazi nokuvala ezona lokishi zinkulu kweli, ezifana neSoweto eseJohannesburg, iMdantsane eseMonti, iKhayelitsha eKapa okanye Umlazi eThekwini.  

Izixeko ezingundoqo kweli eJohannesburg, naseSanston apho kuzinze kona ushishino lwe JSE, eKapa naseGqeberha zonke ezizixeko zifana nje nosuku lwesiqhelo ngexesha lempelaveki ende.  

UZwelinzima Vavi, ongunobhala jikelele weSouth African Federation of Trade Unions ozibandakanye nalomngcelele uthe, abasebenzisani ngokusesikweni nombutho weEFF kodwa bayazixhasa izikhalazo eziphakanyiswa ngamaqabane ombutho weEFF.  

Ukanti isithethi sikaJacob Zuma uMzwanele Jimmy Manyi naye uzibandakanye nalomngcelele kunye nelungu leMKMVA elibhangisiweyo uCarl Neihaus.  

Inkokheli yombutho weAfrican Transformation Movement uVuyo Zungula, ohamba phambile kwizimemezelo zokuba kutshutshiswe umongameli uCyril Ramaphosa malunga nebholo lokwebiwa kwemali kwifama yakhe iPhala Phala, naye uzibandakanye nalomngcelele.  

Unobahlala wombutho weANC uFikile Mbalula uphendule ngelithi ukutyalwa komkhosi wokhuselo bakwenze kuba bafunda isifundo esinzima ngethuba lezixholoxholo zangenyanga yeKhala ngonyaka ka2021.  

“Kwilizwe loMzantsi Afrika ayikho indawo yokwamkela izenzo zolwaphulomthetho kunye ukunyanzeliswa kokususwa kwenkokheli kurhulumento lweli.” 

Umphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheki cele uthe iNational Joint Operational kunye nesigqeba esojongene nokhuseleko zibambe abaqhankqalazi abangamashumi asibhozo anesixhenxe kulo lonke eli ngamatyala anento yokwenza nodushe lwasesidlangalaleni.  

Kubo bonke abo babanjiweyo abangashumi amane ananye ababnjwe eRhawutini, abangamashumi amabini anathoba babanjwa wMntla Ntshona, ze abalishumi elinesihlanu babanjwa eFree State, iqinisekisile imbalelwano ekhutshwe yinkonzo yesipolisa.  

“Okungenani ngamatayari angamawaka angamashumi amabini anesine namakhuku amathathu athinjwe ngamaqumrhu ezokhuseleko kweli. Lamatayari ebebekwe kwindawo ebukulungiselelwa ukwenziwa kuzo izienzo zolwaphulo mthetho.  

“Angamawaka amathandathu athinjwe kwiphondo leNtshona Kapa, angamawaka amane namakhulu amahlanu athinjwa eFree State, angamawaka amathathu namakhuu amathandathu athinjwa eRhawutini ngelixa eliwaka namakhulu amahlanu aneshumi elinesithathu athinjwe kweliphondo leMopuma Kapa kunye neqaqobana elithinjwe kwamanye amaphondo.” 

Umfanekiso ongasentla: UJulius Malema ngethuba kumiswa ngxi intshukumo zoluntu 

Imvelaphi yomfanekiso: EFF South Africa.