Uhlonitshwe yiKumkani yaMampondomise uFikile Mbalula

Ngu Celani Sikhakhane

Ikumkani yaMampondomise uZanozuko Matiwane usimanyile kwakhona isizwe sakhe, wavuselela ubuKumkani obatshatyalaliswa lixesha lombuso wamakoloniyali, ngexesha lorhulumente wengcinezelo kweli.

UKumkani uZanozuko Matiwane yinzalelwane kaKumkani uMhlontlo, owayeyikumkani yokugqibela ukuphatha ngaphambi kokufika kwaMangesi aseBrithani, abafika bazenzela kubukumkani bakhe babutshabalalisa.

Wathatha iintambo emva kukaKumkani uMatiwane, olandela emva kukaKumkani uMajola, noKumkani uNtose, ibenguKumkani uNgcwina kunye noKumkani uNjinya phakathi kwe Kumnkanii zaMampondomise ezaziphethe kulamhlaba. 


NgoMgqibelo isizwe saMampondomise sibhiyozele inkcubeko yaso kunye nomanyano ngendlela engaqhelekanga komkhulu eKroza Great Palace, apho kwamkelwe ngokusesikweni unyana wasebukumkanini uFikile Mbalula, onguNobhala jikelele wombutho weANC, enikwa igama lemveli elingu Jongizizwe. 


UFikile Jongiziwe Mbalula uxelele inginginya yabantu ebebezimase lomsitho ukuba, kuluchulumanco kuye ukutyelela engazanga kucela uncedo, koko etyelele njengonyana ozekubhiyoza nesizwe saMampondomise. 

Samsung Galaxy 14G


“Sinenkokheli ezityelela iiKumkani zazo xa zinengxaki namatyala azo orhwaphilizo. Ungababona besiza kwiinkokheli zabo zomthonyama becela iintsikelelo kuba besiya ezinkundleni zamatyala ngobusela babo,” utshilo. 


UMbalula uyinzalelwane yendlu enkulu yakwaJola kubukumkani baMampondomise. Okhokho bakhe babushiya ubukumkani bayohlala eFree State kuba babekhangela amathuba emisebenzi emva kokutshatyalaliswa kobukumkani babo. 

Ukanti uMbalula isiko lokungena esuthwini, kuba engena ebudodeni walenzelwa eFree State ngenxa yokuba izinyanya zakhe zabhacela kwelacala lelizwe loMzantsi Afrika.

Kumnyhadala wangoMgqibelo, isizwe saMampondomise siphinde sabhiyozela nezinye iinkokheli zesisizwe ezalwela inkululeko phantsi korhulumente wengcinezelo, kunye nabo baya elubhacweni kwamanye amazwe belwela inkululeko yelizwe loMzantsi Afrika. 

Umfanekiso ongasentla: Unobhala weANC uFikile Jongiziwe Mbalula ehlonitshwa ngokwesintu yiKumkani yakhe uZanozuko Matiwane wesizwe saMampondomise.

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter