
Ngu Zukile Majova
Umongameli uCyril Ramaphosa uphulukana namandla okuphatha kwaye naye uyayazi lonto.
Ukuthunyelwa komkhosi wokhuselo kwiilokishi zeli ngaphambi kokuba kuphoswe nditsho elokuqala ilitye kubonakalisa ukungazithembi kwakhe.
Umbutho wakhe iANC uhamba nzima kakhulu kukulahlekelwa ngabavoti kwaye uyaqhuba nokuphulukana neewadi kunyulo lovalo zikhewu kulo lonke eli, iveki neveki.
Ukuthunyelwa kwamajoni angamawaka amathathu namakhulu amane anamashumi asixhenxe anesine ngaphambi kokuba kufunyanwe ingxelo emalunga noluqhankqalazo lucetyiweyo kwinkonzo yesipolisa, akwahlukanga kwizenzo zorhulumente wengcinezelo.
Kwiveki ephelileyo umbuso weli uthumele amajoni njengoko abongikazi nabanye abasebenzi bakarhulumente bebeqhankqalaza bengaxhobanga bekhalazela ukonyuselwa kwemivuzo.
Unjengele womkhosi weli osele esidla umhlala phantsi uBantu Holomisa uthi, ukukhawuleza kombuso weli ukutyala amajoni kuyaxhalabisa.
“Mhla ayiqonda into yokuba lamajoni asetyenziselwa ukukhusela umbutho weANC owambethwe lurhwaphilizo kubemi beli abasokolayo, azakuziva enentloni.”
UHolomisa uxelele iqonga leendaba iNewzroom Afrika ukuba akukho nto ibonakalisa ukuba abalandeli bombhutho weEFF bazakube bephethe imipu, njengoko benyanzelisa unikezelo lombane oluzinzileyo.
Umphathiswa wezokhuseleko kunye namagqala omkhosi weli uThandi Modise uthe amanye amajoni afikelele kumawaka asixhenxe ame ngomo elindele nayiphi na intshukumo eyenzekayo.
Njengoko esahlalelwe ngumfanekiso weziganeko zangoJuly ngo2021, apho abantu abangaphezu kwamakhulu amathathu baphulukana nemiphefumlo yabo, uRamaphosa uthathe isigqibo sokuba angalindi ukuba inkqubo yokuvalwa kwelizwe ijike ifane nezixholo-xholo zango July 2021.
Eyona ngxaki iyenye ajamelene nayo ilandelayo kukuba: ukuba amajoni angadubula ulutsha olungaxhobanga xa uqhankqalazo lusiba shushu uzakuthini?
Ulutsha – olwazalwa ngeminyaka yokungena kwenkululeko kunye nesizukulwane seGeneration Z – bayinxalenye yomyinge ka80% wamalungu ayi1.2 million ombutho weEFF.
Sele iqalile ukuba yimeko ephenjelelwe lifuthe lezopolitiko, kuba inkokheli yalombutho uJulius Malema uyalela abalandeli bakhe ukuba bangoyiki ngokoyikiswa.
Uninzi lusabona uRamaphosa enesandla kwimeko yokungalawuleki kwengxoxo malunga nokonyusa imivuzo yabasebenzi eLonmin ngo2012.
Amapolisa avulela ngeembumbulu kwigquba labasebenzi mgodini ababeqhankqalaza, kwabulawa amashumi amathathu anesine ngelixa amashumi asibhozo asala engxwelerhekile.
IANC kaRamaphosa kunye no rhulumente wayo, kungoku nje bazifumanisa bekumhlaba abaqalayo ukuwunyathela, apho bajamelene nokungafunwa kwaphela ngabantu abatsha abazalwe emva konyaka ka1994, bezalelwa enkululekweni.
Iqumrhu leenkcukacha manani loMzantsi Afrika lithi abantu abatsha bangaphezu kuka20 million kweli. Malunga namawaka asibhozo kubo babhalisele ukuvota kunyulo oluzayo.
Ukanti abanye abazizigidi badlalela kude nezikhululo zovoto ngenxa yokungoneliseki ngumbutho weANC okhuthaza urhwaphilizo, intswelangqesho kunye nokuhanjiswa kweenkonzo ezingekho mgangathweni.
UMalema unethemba lokuzibonakalisa koluluhlu lwabavoti ukuba bathathe umbutho weEFF bawubeke ekubeni ube ngowona mbutho usemthethweni uphikisayo.
Ngokubanzi, inkqubo kazwelonke yokumiswa ngxi kweentshukumo zoluntu yindlela yombutho weEFF yokubonakalisa amandla wayo kunye nendlela yokugaya inkxaso yabavoti.
Nokuba lenkqubo iyaphumelela kusini na, lombutho uzibonakalisile ukuba ume ndawoni: Kuphela kombutho okhoyo kweli okwaziyo ukujongana ngqo nombutho weANC kwaye uwuxhaphise amagwebu.
Umfanekiso ongasentla::