Khange lubalasele uGwayimbo eGqeberha 

Ngu Anita Dangazele

Nangona umbutho weEFF uqale kwisigaba esiphezulu kwinkqubo yokumiswa ngxi kwentshukumo zoluntu kwidolophu ezinkulu kweli, kummandla waseNelson Mandela Bay khange kubekho phazamiseko lungakanani.  

Ibilusuku lokusebenza njengesiqhelo kwindawo ezininzi zesisixeko.  

Amakhulu abalandeli bombutho weEFF bebedibene kudederhu lwevenkile iBoardwalk Mall eSummerstrand, ekuyeyina ndawo ityala abatyeleli kummandla iNelson Mandela Bay, apho bebecula amagwijo kunye neengoma zomzabalazo . Ukanti amapolisa ebekhona ngobuninzi evale zoonke iindawo zokungena koliudederhu lwevenkile.  

Amapolisa ebenqanda bonke abantu abyinxalenye yoqhankqalazo ukuba bangangeni koludederhu lwevenkile, kuvunyelwa kuphela abathengi ukuba bangene.  

Samsung Galaxy 14G

Noxa kunjalo, ngaphakathi koludederhu bekuqhuba umsebenzi njengesiqhelo, abathengi bengena bephuma ngaphandle kokuphazamiseka.  

Kwelinye icala inkokheli yenginqi yombutho weEFF uKhanya Ngqisha uthe olugwayimbo lwenze kanye lento bebeyifuna, zema ngxi iintshukumo zoluntu kweli.  

“Ugwayimbo luhamba kakuhle kakhulu kuba amashishini amaninzi avalile. Ayilosuku luhqelekileyo, kuthulekile kwaye abantu abaninzi bahleli emakhaya. 

“Nditsho nakwezivenkile zilapha [eBoardwalk] azizukwenza ingeniso efana nezinye iintsuku ngenxa yenyathelo elithathwe yiEFF. Okwangoku konke kuhamba kakuhle, ugwayimbo luyimpumelelo,” utshilo uNgqisha.  

Umkomishinala wamapolisa wephondo leMpuma Kapa uNomthetheleli Mene, uthethe namaqonga eendaba esithi kukho iintshukumo zoluntu kwindawo ezohlukeneyo ngamaxesha ohlukeneyo kodwa, kuzolile.  

“Zikhona iintshukumo zogwayimbo kwindawo ezohlukeneyo kodwa uninzi lwazo yimingcelele ezolileyo. Sityale amapolisa kwindawo ezohlukeneyo. Into endinokuyithetha kukuba asikafumani zingxelo zeziganeko ezixhomisa amahle malunga nolugwayimbo,” utshilo uMene.  

Lo kaMene uthe amapolisa athathele ngakuwo amatayara afikelele kumawaka alishumi elinesithandathu kwiphondo lonke, abakholelwa ukuba ebelungiselelwe ukutshiswa kolugwayimbo, nalapho angamawaka amathandathu ethinjwe eNelson Mandela Bay.  

Ummandla waseNelson Mandela Bay ubhengeze njengowona mmandla uhamba phambile ekulindelele ukuba wonnganyelwe lolugwayimbo kweliphonndo leMpuma Kapa, ulandela ngummandla weBuffalo City kunye nommandla waseO.R Tambo ingakumbi kwidolophu yaseMthatha.  

Inkonzo yesipolisa yephondo leMpuma Kapa ithe ikulungele ukuqubisana nayo nayiphi na imeko, xakunokubakhona iziganeko zolwaphulo mthetho, ngelixa umbutho weEFF usithi uzimisele ukuqinisekisa umngcelele ozolileyo.  

Umfanekiso ongasentla: Amalungu ombutho weEFF ecula amagwijo ngaphambi kodederhu lwevenkile eBoradwalk Mall eSummerstrand, eGqeberha.  

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele