IOddball: Yimveliso entsha yobugcisa eNewtown

Ngu Khaya Ndaba

UThula Khumalo oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, uthathe ixesha lakhe ekhulisa isakhono sakhe somculo. 

Lemvumi yazalelwa eLadysmith kwiphondo laKwaZulu-Natal, yayikhulisa italente yayo yezomculo kwizitatalato zaseNewtown eJohannesburg, ekuyindawo engumpondo zihlanjiwe xakuthethwa ngetalente. 

Uthando lomculo nobuciko kuThula abuphelelanga ekukhuleni kwakhe kuphela, ukwanazo neengcinga zegalelo labazali bakhe ababemkhuthaza. Ubalisa indlela umama wakhe wayebonakalisa ngayo uthando kubantwana basekuhlaleni ngokubakhuthaza kwezobuciko, kodwa waphinda watyala oluthando nakunyana wakhe.

“…Umama wam wayesithatha sityelele iindawo ezohlukeneyo eNewtown. Sikhula sasingqongwe yimisebenzi yobugcisa ngalolonke ixesha, kwaye zezona zinto sikhule sizibandakanya kuzo. Umama wam wasifundisa lonto. Ukukhulela eNewton yiyona ndawo yayifanelekile ukuba abe kuyo umntwana othanda ubugcisa kwaye onetalente,” utshilo. 

Samsung Galaxy 14G

UThula yimvumi ephambili ekhokhele iqela layo elibizwa ngeOddball, kwaye ucula kunye noSandile Mbatha, uBopha Sipho Mngidi “Blackman” Afm, kunye noMusa Zwane. Uchaza umculo wakhe “njengongangxengwanga kwaye owenza ubani azive ekhululekile”.

Ethetha ngentshisakalo anayo, uthi oku kusuka kubazali bakhe bobabini ngesakhono somculo. Umama notata wakhe babezithanda kakhulu izinto zobugcisa, utata wakhe wayengumanejala yendawo eyaziwayo iKippies Jazz club ngelixa umama wakhe wayefundisa abantwana ezobugcisa. 

Ukhumalo usebenza njenge-Editor kunye ne cinematographer ngaphezu komsebenzi wakhe wokuba yimvumi. Uthi xa echaza umculo wakhe yi “alternative Jazz” elungiselelwe  oo anti abanezimali zabo.

UKhumalo kunye nasebenza nabo abathathu sele beke badlala ngqo eqongeni lomnyhadala iFukWhatYuHeard, eThe Compound, eBertrands Maboneng, eKitcherners, eSawubona Music Jam kunye nezinye.

Uthi ukuba seqongeni “kufana nokufumana olona lwazi lubalulekileyo” azibona eyiyo yena ngokwakhe. Ujonge phambili enxakamele into uninzi lwabantu kunye nabadlali beqonga abayoyikayo – ukuphulukana nesiqu sakhe eqongeni – kwaye xa kunjalo uqinisekisa ukuba wothula uncuthu lomculo olusuka embilini yentliziyo yakhe kwaye akonwabele ukwenza oku. 

Umfanekiso ongasentla: UThula Khumalo eculela iqela iOddbal

Imvelaphi yomfanekiso: uthunyelwe.