
Ngu Celani Sikhakhane
Kujongwe kwibhodi elawula Ingonyama Trust ejongene nomhlaba olinganiselwa kwiiHectare ezi zizigidi ezintathu zesizwe samaZulu.
Ikumkani yamaZulu uMisuzulu kaZwelithini ukhuphe isilumkiso sokuba eli qumrhu malidandalazise esidlangalaleni iingxelo yalo yezimali, emva kokuba ibhodi yohlulekile ukunika ubungqina benkcitho mali eyafikelela kuR22 million eyachithwa ngexesha lokuvumbuluka nokugqugqisa kwentsholongwane iCovid-19.
Kwiinyanga zakutsha nje, abahlali basemaphandleni eKZN bakhala ngokwehluleka kwalebhodi ukubanika iingxelo zokuba imali yabiwa njani isabelwa abantu abalindeleke ukuba baxhamle kuyo.
Ingxelo yezimali eyayingacacanga eyanikezelwa kubaxhamli beliqumrhu ngonyaka ka2020, yagxekwa kabukhali sisigqeba esasikhokhelwe yiNelson Mandela Foundation isebenzisana neLand and Accountability Research Centre, eyayihleli kwiDyunivesithi yaseKapa.
Oku kwanyanzelisa ukuba uNkosi Zwelivelile Mandela akhuphe isicelo esithi ukuba eli qumrhu liyohluleka ukupapasha ingxelo zalo lezimali, kufuneka libhangiswe.
Ngonyaka ka2022, lebhodi yaphinda yohluleka ukuvelisa ubungqina ngenkcitho mali yeR31 million, ngokokutsho kwesikhalazo esisuka kwiofisi yoMphicothi zincwadi weli.
UKumkani uMisuzulu kaZwelithini umemelela ingxelo ekhethekileyo ezakupapashwa esidlangalaleni.
Kwimbalelwano yakhe yangoLwesine, uMisuzulu uthi ufuna lengxelo ibhengezwe kwiofisi yomphathiswa wezesintu namasiko, uPrince Mangosuthu Buthelezi. Ukwafuna ukuba yothulwe nakwisigqeba sorhulumente waseKZN phantsi kwenkulu-baphathiswa exhuzula imikhala, kukhona nosomlomo wepalamente yaseKZN, indlu yeenkosi zemveli kunye namajelo eendaba ngokubanzi elawulwa yiNational Editors Forum yoMzantsi Afrika.
“Ndifuna ukugxininisa kwiinkokheli zikarhulumente, ezoshishino, ezenkolo kunye noBukhosi kuba kufuneka bube ngumzekelo ngokubonakalisa ukunyaniseka, ubulungisa, ukubandakanya onke amaqela achaphazelekayo, bubonakalise inkathalo nokuqinisekisa ukugcinwa kobuntu,” utshilo.
“Ndimemelela wonke ubani, nokuba ukwesiphi isigaba ngokomsebenzi wakhe, ukuba alandele inkolo elawulwa yimigaqo nesazela kubunkokheli bakhe.”
Ukwamemelele ukuba lengxelo ipapashwe eluntwini kusetyenziswa isikhululo sosasazo seSABC uKhozi FM kunye namanye amaphepha ndaba esiZulu.
Umfanekiso ongasentla: UKumkani uMisuzulu kaZwelithini omemelela ukuba ibhodi ye-Ingonyama Trust iphumele etshatshalazeni ngengxelo yayo yezimali.
Imvelaphi yomfanekiso: Isebe lobugcisa nenkcubeko.