Bangaphezu kwesigidi abemi beli abaza kuzibandakanya noqhankqalazo

Ngu Everson Luhanga no Zukile Majova

Akukhonto iqhelekileyo izakwenzeka ngoMvulo umhla wamashumi amabini kweyoKwindla. 

Lo izakuba nguMvulo wokuqala kwimbali yelizwe loMzantsi Afrika apho urhuumente uzakube ekhuphe phantse onke amagosa enkonzo yesipolisa angamakhulu amabini amawaka ukuba akhusele abemi beli kunye nezakhiwo ngexesha logwayimbo. 

Ukongeza koku, ngamajoni afikelele kumashumi asixhenxe anesithathu alindele ukuba angabizwa emsebenzini nanini na, ngokokutsho komphathiswa wesebe lezokhuseleko namagqala omkhosi wokhuseleko kweli uThandi Modise. Amajoni okuqala angaphezu kwamawaka amathathu namakhulu amane athunyelwe kwindawo ezohlukeneyo kweli kuquka eSoweto ngentseni yangeCawa. 

Ukanti kwelinye icala bangxangile abalandeli bombutho weEFF abangaphezu kwesigidi namakhulu amamabini amawaka, ekungumbutho obhalise abalandeli abazizigidi ezibini namakhulu amane kulonyulo oludlulileyo. 

Samsung Galaxy 14G

Olusuku, luzakubhalwa kwimbali njengolona suku lukhulu loqhankqalazo kwilizwe elikhululekileyo loMzantsi Afrika. 

Abantu abalinganiselwa kwizigidi ezibini kulindelele ukuba babambe umngcelele beqhankqalaza kwidolophu nezixeko ezingaphezu kwekhulu kulolonke eli. 

NgeCawa bekubonakala amapolisa ngobuninzi kwizitalato zeli. ESoweto akwisikhululo senqwelomoya iOR Tambo, amajoni ebezenze zambeje mbeje izitalato ngoomakufanwe bawo. 

ERhawutini, iilokishi ezifanane neTembisa, iAlexandra kunye neDiepsloot khange zibekelwe bucala. Abemaninzi amagosa okhuseleko athunyelwe kwezilokishi. 

Amapolisa abonakale esusa amatayari, abekwe kwindawo ezithile ezifana noohola bendlela kwimigaqo exakekileyo kumaphondo afana neNtshona Kapa, iKwaZulu-Natal kunye naseMpumalanga. 

Kukhona inkxalabo kubahlali abangaqinisekanga ukuba kuzakwenzeka ntoni kanyekanye ngolusuku.

Kodwa inye into eqinisekiswayo kukuba kubakube kukhona uqhankqalazo olukhulu kulo lonke eli. 

Oluqhankqalazo, lubonakalisa ukuvuka kombutho wesibini ngobukhulu wabantu abamnyama ngaphambi kolonyulo lukazwelonke ngonyaka ka2024. 

UJulius Malema, ongumntwana weANC owagxothwa kwisithuba seminyaka elishumi eyadlulayo, ubuyile ezekufezekisa isithembiso sakhe sokungabahlalisi ophantsi abantu abadlala bombutho weANC.

Umongameli uCyril ramaphosa, owagxotha uMalema kwiANC, uchaze intshukumo yokuvalwa kwelizwe njengelinge lokubhukuqa umbuso – ilinge elirhabaxa lokuthinjwa kombuso kunye nokususwa kuka Mongameli esihlalweni. 

“Ilizwe loMzantsi Afrika lilawulwa ngumthetho. Sinenkululeko elawulwa ngumgaqo siseko. Utshintsho lombuso lungeza kuphela ngokuvota. 

“Ngeke ize ngokubhukuqwa kimbuso, nokuphembelela udushwe elizweni,” utshilo uRamaphosa. 

Kwiiyure ezingamashumi amabini anesine ngaphambi kokumiswa ngxi kwentshukumo zoluntu, abahlali basemaphandleni nasezilokishini babone utshintsho apho amapolisa ebesenza ugqogqo kwindawo zabo zasekuhlaleni. 

Inkampani yakwa Eskom yanciphisa inkqubo yokucinywa kombane yaba kwisigaba sokuqala, emva koko yabhangiswa kwaphela, impendulo ecacileyo yezopolitiko ngakumbutho weEFF ozakuqhankqalazela inkqubo kacimi cimi wombane. 

Umphathiswa wenkozo yesipolisa uBheki Cele ubeseThekwini, apho ngethuba lotyhuthulo lwangenyanga yeKhala ngo2021, izikhululo zamapolisa ezingamashumi amane anesibini zohluleka kwaphela ukunqanda ukutyhuthulwa kwamashishini kunye nokonakaliswa kwezakhiwo, 

Umkomishinala wamapolisa kuzwelonke uFannie Masemola ubekwisikhululo senqwelo moya iOR Tambo International Airport apho athethe namapolisa atyalwe kwiindawo ezibalulekileyo kweli. 

Umbutho weEFF utsho amatyeli aliqela ukuba oluqhankqalazo lutyeciwe, nalapho inkokheli zamasebe zinolwazi malunga nokunqanda ukubhukuqwa kumbuso kunye nokutyhuthulwa kwamashishini. Kodwa konke oku kuzakubonakala kakuhle emva kwenzulu zobusuku. 

Eli libali eliqhubayo

‪Umfanekiso ongasentla: UJulius Malema ethetha namasebe eEFF eRhawutini 

Imvelaphi yomfanekiso: @EFFSouthAfrica