

Ngu Dylan Bettencourt
Umhleli wezemidlalo
Rhoqo emva kweminyaka ethile, ubakhona umdlali webhola ekhatywayo welizwe laseAfrika omelwe kukuba nodumo kwihlabathi liphela, kwaye uVictor Osimhen ngomnye wabobadlali.
Lo mdlali waseNigeria ebesoloko ebonakala esemfuthweni kumdlalo wakhe neqela laseItaly iNapoli yonke lesizini, kwaye kwiminyaka nje engamashumi amabini anesine sele esemngceni wokuba ngomnye wabadlali abaqaqambileyo.
Lo mdlali uhamba ezinyaweni zika Didier Drogba kunye noSamuel Eto’o, uOsimhen unayo yonke into edingekayo ukuba ngumdlali oqaqambileyo waphambili osuka eAfrika.
Kule sizini kuphela, ufake amanqaku angamashumi amabini anesithathu, waphinda wancedisa ukufaka amanye amahlanu kwimidlalo engamashumi amabini anesixhenxe adlale kuyo kuzo zonke intlobo zokhuphiswano athathe inxaxheba kulo.
Lo mdlali khange ancedise kuphela ukuba iqela iNapolia ifumane amanqaku alishumi elinesibhozo kukhuphiswano lihamba phambili kuluhlu lweSeries A, uphinde wancedisa iqela lakhe laya kufikelela okokuqla kumdlalo wesibini owandlulela amagqibela kankqoyi kukhuphiswano lwe Uefa Champions League.
UOsimhen wafaka amanqaku amathathu kwamahlanu eyaphumelele ngawo iNapoli ibetha iqela laseGermany i-Eintracht Frankfurt ngembande yesikhova kolukhuphiswano kwisigaba samaqela alishumi elinesithandathu.
Kwimidlalo yeligi yasekuhlaleni eItaly, uhamba phambili ngamanqaku amahlanu kubantu abanamanqaku amaninzi nalapho enamanqaku alishumi elineythoba ukuza kuthi ga ngoku. Ukanti umdlali weInter Milan uLautoro Martinez ukwindawo yesibini ngamanqaku alishumi elinesine kolukhuphiswano.
Impumelelo kaOsimhen itsale umdla wamaqela amaninzi aseEurope, nto leyo yenza kubenzima nangakumbi ukuba iNapoli igcine umdlali wayo oqaqambileyo waseNigeria.
Amaqela afane neManchester United, iChelsea nditsho ne Real Madrid zibonakalise umdla wokuba zingamchwechwela uOsimhen xakuvilwa ikhefu lokuthenga nokuthengiswa kwabadlali ngexesha lehlobo.
Noxa kunjalo, kuza kuthatha imali eninzi kakhulu ukutsala uOsimhem asuke kwiNapoli, nalapho kulindeleke imali engaphezu kwe 100 million euros ukumsusa kwiqela lakhe.
UOsimhen wazalelwa eLagos, wakhulela eOlusosum kubazali bakhe base Edo State.
Esakhula intandane yakhe kwibhola ekhatywayo yayimgu Didier Drogba, nto leyo inokuyinceda iChelsea kwinzame zayo zokumtsalela eLondon.
Kwilizwe laseNigeria, uOsimhen ufake amanqaku alishumi elinesihlanu, kwimidlalo engamshumi amabini anesibini ayidlalelela elalizwe, kwaye angaba ngoyena nobangela unokubuyisela elilizwe laseAfrika kudumo lwalo emva kweminyaka embalwa lingafumani mpumelelo.
Nokuba kukanjani igama lika Osimheni, lizakuba nomfutho iminyaka eminizi ezayo.
Umfanekiso ongasentla: Victor Osimhen
Imvelaphi yomfanekiso: NguFabrizio Romano